Introduction
Umzekelo we-ajenda nemizuzu yentlanganiso
Task
Ekupheleni kwesifundo abafundi bazokwazi:
- Ukuba yintoni i-ajenda nemizuzu kwaye kuthe zibalulekile
- Iimpawu nemigaqo elandelwayo xa kubhalwa i-ajenda nemizuzu
- Ulwimi olusetyenziswayo xa kubhalwa i-ajenda
- Ukuthatha inxexheba kwintlanganiso zokwenyani
- Ukwabelana ngezimvo benikana amathuba okuthetha ngentlonipho
I-Ajenda nemizuzu yentlanganiso
Imiyalelo:
- Bhala ngokucocekileyo
- Sebenzisa ifomathi yokubhalwa kwemihlathi emide
Umbuzo 1
Njengonobhala weqembu lomnyazi bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso apho nizobe nixoxa ngokuphuhlisa ibhola yomnyazi kwiingigqi eziningqongileyo.
Amanqaku ( 30 )
Process
Amanyathelo abazowathatha:
- Abafundi bazojonga iinkcukacha zonke ezingezantsi endibafundise zona nge-ajenda nemizuzu
- Abafundi bathatha amanqaku phantsi abawaqondayo abalulekile
- Abafundi bathatha iincwadi zabo zokubhalela, bengasajongi kwendibanike kona ukuze babona ukuba bavile kusini na
Qaphela: I-Ajenda kunye nemizuzu zisoloko zihamba kunye xa ziphendulwa kwimviwo azohlulwa.
Yintoni i-ajenda?
I-Ajenda sisicwangciso senkqubo eza kulandelwa xa kuqhutywa intlanganiso.
Injongo: Kukwazisa abantu abaza kuba yinxalenye yentlanganiso ngemiba eza kushukuxwa ukuze bazilungiselele. Kukunika abantu abakwintlanganiso uqikelelo ngexesha eliza kuthatyathwa kule ntlanganiso.
Abantu ababhalelwayo: Ngabantu abamenyiweyo entlanganisweni okanye ngabantu abaselungelweni lokuthabatha inxanxeba entlanganisweni.
Ifomathi/iimpawu
- Mayicwangciswe inkqubo eza kulandelwa kwintlanganiso.
- Makubhalwe ingongoma kuphela.
- Imibandela ezakuxoxwa mayinonjolwe ( inambarishwe) ukuze icace nakubani na.
Imiba ilandelelaniswa ngoluhlobo:
- Uvulu nolwamkelo.
- Abakhoyo.
- Izingxengxezo zabangekhoyo.
- Ukufundwa kwemizuzu yentlanganiso edlulileyo nolwamkelo lwayo.
- Imivuka ( imiba engazange ixoxwe igqitywe kwintlanganiso edlulileyo).
- Imiba engundoqo ( imiba ezakuxoxwa nesizathu sokubizwa kwentlanganiso).
- Ukwaziswa komhla wentlanganiso elandelayo.
- Ukuvala.
Imizuzu Yentlanganiso
Yintoni imizuzu?
Imizuzu zizigqibo zentlanganiso ebibanjiwe.
Injongo:
Kukuqinisekisa ukuba zonke izigqibo zentlanganiso zibhalwa phantsi ukuze kubekho ubungqina obubhaliweyo kwabantu ababekho, abangekhoyo kunye nezigqibo zemiba yengxoxo.
Kukusebenzisa imizuzu njengesiseko sentlanganiso eya kulalandela.
Abantu ababhalelwayo:
Nabani na oza kufunda imizuzu asebenzise izigqibo zentlanganiso njengomkhombandlela.
Ifomathi/iimpawu
- Bhala igama lequmrhu ebelibambe intlanganiso.
- Umhla wentlanganiso, indawo kunye nexesha ebibanjwe ngayo.
- Kubhalwa kuphela izigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso.
- Uvumelekile ukuba usebenzise amagama athi " kugqityiwe ekebeni...."
- Imizuzu mayibhalwe ilandela iingongoma ze-ajenda.
- Makuvele umhla, indawo nexesha engene ngalo intlanganiso.
- Dwelisa amagama abantu abakhoyo kwintlanganiso.
- Bhala amagama abantu abangengxezileyo.
- Imibandela eza kuxoxwa mayinonjolwe.
- Sebenzisa izenzi ezikwexesha elidlulileyo.
- Bhala isaziso sentlanganiso eza kulandela.
- Makuvele ixesha ephume ngalo intlanganiso.
- Bhala umqulunqi wemizuzu.
- Bhala umhla equlunqwe ngayo le mizuzu.
Ulwimi olusetyenziswayo
- Ulwimi olundilisekileyo.
- Amagama afana no " kugqityiwe".
- Kusetyenziswa ixesha elidlulileyo.
Isakhiwo
- Isivakalisi esivulayo esiqulathe: abathathi-nxanxeba, indawo ebibanjelwe kuyo kunye nexesha lokungena kwayo.
- Isiqu: iingongoma ezihambelana nemizuzu yentlanganiso.
- Isiphelo: umqulunqi wemizuzu nomhla equlunqwe ngayo.
Umzekelo we-ajenda nemizuzu
Njengonobhala wabafundi bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso apho nizobe nixoxa ngokushokoxeka kweencwadi zokufunda.
I-Ajenda nemizuzu
Intlanganiso yesigqeba sabafundi Sukude S.S.S
Umhla: 20 kweyeSilimela 2021
Indawo: kwiholo yesikolo saseSukude
Ixesha: Licala emva kwentsimbi yesibini emalanga
I-Ajenda
- Uvulo nolwamkelo
- Abakhoyo nezingxengxezo
- Ufundo lwemizuzu yentlanganiso edlulileyo
- Imivuka
- Imiba yengxoxo ( ukushokoxeka kweencwadi zokufunda)
- Eminye imiba
- Isaziso sentlanganiso ezayo
- Uvalo
Imizuzu yentlanganiso ( mayihambelane neengongoma ze-ajenda)
Uvulo nolwamkelo: Intlanganiso ivulwe nguNobhala ngomthandazo ngecala emva kwentsimbi yesibini emalanga
Abakhoyo nezingxengxezo: USihlalo, uNobhala, amalungi amabini esigqeba kunye nabafundi
Izingxengxezo: Khange zibekho (kuhanjiswa irejista batyikitya abakhoyo)
Ufundo lwemizuzu yentlanganiso edlulileyo: Ifundiwe imizuzu yaze yamkelwa
Imivuka: Khange ibekho
Imiba yengxoxo: Ukushokoxeka kweencwadi zokufunda
Eminye imiba: Ayikhange ibekho
Isaziso sentlanganiso ezayo
Intlanganiso elandelayo iya kuba ngomhla we-96 KweyeThupha ngentsimbi yokuqala malanga
Ukuvala: Ivalwe nguNondyebo ngomthandazo ngentsimbi yesine
Umqulunqi: K Nciza (uNobhala)
Umhla: 20 kweyeSilimela 2021
Evaluation
| Ikhratheriya | Balaseleyo | Enobuchule | Phakathi | Buthakathaka | Bubhetyebhetye |
| Umxholo, ucwangciso nefomathi | 15-18 | 11-14 | 8-10 | 5-7 | 0-4 |
|
Ukungqala kwempendulo nezimvo. Ukuqoqwa kwezimvo ngenjongo yokucwangcisa Injongo yokubhala, abo kujoliswe kubo, iimpawu/imigaqo yetekisi, kunye nemeko
18 AMANQAKU |
Impendulo igqwesile idlule okuqhelekileyo Izimvo ziqiqisiwe kwaye zivuthiwe Luphangalele ulwazi lweempawu zolu didi lwetekisi Umsebenzi ungqalile uhleli emxholweni Kukho ukunamathelana kwizimvo nomxholo Iingcamango zidakancwe ngobunono zonke iinkcukacha zixhasa isihloko Ifomathi ifanelekile kwaye ichanekile |
Impendulo ibonakalisa ukuchaneka kanobomi ulwazi olunzulu lweempawu zolu didi lwetekisi Ingqalile ayiphumi nasemxholweni Izimvo zixonxwe zadakancwa ngokunamatheleneyo kumxholo nezimvo Iinkcukacha zixhasa isihloko Ifomathi ifanelekile ineendawana ezingachanekanga ezingephi
|
Impendulo iyanelisa ibonakalisa ulwazi lweempawu zolu didi lwetekisi Izimvo ziyaphuma emxholweni kwaye kukho nokugqwidiza Ukunamathelana komxholo nezimvo kufanelekile Ezinye inkcukacha zixhasa isihloko Ifomathi ifanelekile kodwa kusekho ukunachaneki
|
Impendulo ibonakalisa olungephi lweempawu zolu didi lwetekisi Zimbalwa izimvo ezisemxholweni kodwa kuninzi ukuphuma ecaleni Kunqabile ukunamathelana komxholo nezimvo Zimbalwa inkcukacha ezixhasa isihloko Imigaqo yefomathi ephambili isetyenzisiwe ngokungaqondi Kutyeshelwe izinto ezininzi
|
Impendulo ibonakalisa ukunqongophala kolwazi lweempawu zolu didi lwetekisi Intsingiselo ilahleka rhoqo ide iphume emxholweni. Akukho ukunamathelana komxholo nezimvo Zimbalwa kakhulu inkcukacha ezixhasa isihloko Imigaqo eyimfuneko yobhalo lwale tekisi ityeshelwa
|
| Ulwimi isimbo sokubhala nokuhlela | 10-12 | 8-9 | 6-7 | 4-5 | 0-3 |
|
Ithoni, irejista, isimbo, injongo/ifuthe, abo kujoliswe kubo kunye nemeko Ukusetyenziswa kolwimi nemigaqo Uchongo magama Iimpawu zokubhala kunye nopelo 12 amanqaku |
Ithoni, irejista, isimbo, isigama zihambelana kakhulu nenjongo nabo kujoliswe kubo kunye nemeko Izakhi zezivakalisi zisetyenziswe ngokuchanekileyo Phantse kube akukho nasinye isiphene |
Ithono, irejista, isimbo, isigama sichaneke kakhulu malunga nenjongo, abantu ekujoliswe kubo kunye nemeko Izakhi zezivakalisi zichanekile kwaye umyalezo wakheke kakuhle Isigama sichanekile Ubukhulu becala akukho zimpazamo
|
Ithoni, irejista, isimbo, isigama sihambelana nenjongo, abantu ekujoliswe kubo kwakunye nemeko Izakhi zezivakalisi zibonakalisa iimposiso Isigama siyanelisa Iimpazamo zobhalo ezikhoyo aziyiphazamisi intsingiseleo nomyalezo
|
Ithoni, irejista, isimbo, nesigama azingqamani ncam nenjongo kwakunye nabantu ekujoliswe kubo kunye nemeko Izakhi zezivakalisi zineemposiso ezininzi eziphazamisa umyalezo Sinqongophele isigama Kukho amagingxi-gingxi kwintsingiselo |
Ithoni,irejista,isimbo, nesigama azingqamani kwaphela nenjongo, imeko kwakunye nabantu ekujoliswe kubo Izele zziimpazamo ixazalala Isigama asifanelananga nenjongo Intsingiselo ilahleke kakhulu
|
| Ummandla wamanqaku | 25-30 | 19-23 | 14-17 | 9-12 | 0-7 |
IRUBRIKHI YOKUHLOLA IMIHLATHI EMIDE NEMIFUTSHANRE - ULWIMI LWESIBINI OLONGEZELELWEYO [ 20 AMANQAKU]
Conclusion
Emva kokugqiba le webquest, abafundi baya kuqonda indlela yokubhala i-ajenda kunye nemizuzu, ifomathi, kunye nolwimi olusetyenziswayo. Baya kuqonda ukuba intlanganiso nganye esesikweni kufuneka ibe ne-ajenda kunye nemizuzu.
Credits
Credits & References
Bunga, G., Kwatsha, L., Mkhutshulwa, N.T. and Njaba, X.N. (2015) Platinum Masikhanyise Grade 10 Learner's Book (IsiXhosa Home Language). 1st ed. South Africa: Pearson Education.
Teacher Page
Surname: Gadiso
Name: Tandie
Student number: 219370206
Email Adress: tandie.gadiso@gmail.com
Number: 0734054185