Uncwadi lwemveli (iintsomi) Ibanga 12

Introduction

 

https://youtu.be/Yt0IIId0Vjw

 

Task

Kulindeleke ukuba abafundi bakwazi:- 

-ukuchaza igama elithi 'intsomi

-bazazi iimpawu zentsomi

-bazazi iindidi zentsomi

-bawazi amanqanaba wezahluko zentsomi

IMIBUZO 

1.1 Yintoni intsomi? (2)

1.2 Chaza iindidi zentsomi zibentathu. (3)

2.Bukela le vidiyo ingezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo

https://www.youtube.com/watch?v=ZhwsxPEw2ug

2.1 Xela iimpawu esibona ngazo ukuba intsomi yintsomi. Impendulo yakho mayinamathele kulamanqanaba

(a) Intshayelelo (2) 

(b) Isiphelo (2)

2.2 Chaza ukuba yintoni unobangela wokwenzeka kwezinto ezenzekileyo kule ntsomi. (2)

2.3 Sithini isiphumo sezinto ezenzekileyo? (2)

2.4 Yintoni oyifunde kule ntsomi? (2) 

   AMANQAKU 15

Process
  • Iintsomi

Eli gama lithi iintsomi libandakanya iindidi zeentsomi ezazibaliswa okanye ezibaliswa ngoomakhulu okanye ezibhaliweyo.

  • EsiXhoseni, iintsomi zahlukile kwezesiNgesi kuba ezesiNgesi zinamagama ahlukileyo achaza udidi lwentsomi nganye.
  • Apha kwisiXhosa asinawo lo magama, ngoko ke zonke iindidi zeentsomi zibizwa ngeli gama lokuba ziintsomi.
  •  Iintsomi zithi zibenesakhiwo nomxholo osekelwe iinjongo ezithile ezifana nokufundisa, ukonwabisa nokulumkisa ngemiba ethile yobomi.
  • Iintsomi zenziwa ngoomakhulu, zenziwa ngexesha langokuhlwa.

Iindidi zentsomi

  • Iintsomi zezilwanyana
  • Iintsomi zabantu
  • Iintsomi zobukumkani bezityalo

 Iimpawu zentsomi  

Xa kujongwa iimpawu zentsomi zinokuphendlwa phantsi kwale miba:

  • Isakhiwo sentsomi 
  • Umxholo
  • Isimo sentlalo (ixesha nendawo)
  • Isimbo sokubalisa

Isakhiwo sentsomi

Isiqalo sentsomi

Isakhiwo sentsomi asahlukanga kuyaphi kwibalana elifutshane kuba nayo inentshayelelo, isiqu nomqukumbelo.

• Umahlukwana okhoyo kukuba intshayelelo yentsomi ingahlulwa kubini: kukho isiqalo kuze kubekho inqu ntshayelelo.

• Isiqalo kwiintsomi zonke: “Kwahlala, kwahlala kwangantsomi,” okanye “Kwathi ke kaloku ngantsomi.”

La mabinzana okuqala alandelwa yinkqu ntshayelelo apho abamameli bazotyelwa umfanekiso wesimo sentlalo nezinto kwaye baziswe ngabalinganiswa abaphambili.

Njengoko iintsomi zikholise ngokuba ngokudunga-dungeka kwentlalo, apha intshayelelo abamameli bangcanyuliswa nakwizinto eziya kubanga ukudunga-dungeka kolonwabo entlalweni.

 Abaphulaphuli baphendula ngelithi, “Chosi ntsomi!” okanye “Chosi!” okanye “Chosi, chosi ungaphum’ iimpondo!” xa kubaliswa emini.

Isiphelo sentsomi

Nomqukumbelo wentsomi nawo untlandlu-mbini. kukho isigqibo apho umbalisi abonisa ukubuyela kwemeko kwinto ebeyiyo ngaphambili ingekagxojwa-gxojwa ngumgxobi okanye ngabagxobhi.

Le nto yenzeka ukuba boyiswe abadunga-dungi ngokuthi bafe okanye bawe kwimizamo yabo emibi.

  • Umbalisi emva kokuzoba ibuyambo uphetha ngebinzana elifana kwiintsomi zonke elithi: “Phela phela ngantsomi”.

Iingcali ezithile kuncwadi ziyivelele indima yesakhiwo sentsomi.

Ezinye zisahlula isakhiwo sentsomi ngokwala manqanaba alandelayo:

  • Isidingo: Apha kukho into enqabileyo edingekayo eluntwini okanye ezilwanyaneni.
  • Isivumelwano: Kwenziwa iinzame zokuhlangabezana nesidingo eso. Akukwazeki ukuhlala izinto zingalunganga.
  • Ukudubaduba: Kubakho into, umntu okanye isilwanyana esiphazamisa, sidubadube, saphule isivumelwano ebekufikelelwe kuso sisininzi.
  • Iinzame: Kwenziwa iinzame zokulwa nomdubadubi.
  • Isiphumo: Isiphumo sisenokuba sihle okanye sibe sibi.
  • Ukusinda: Umdabadubi usenokusinda okanye abanjwe, ukanti nabantu okanye izilwanyana zinokusindisa, silunge isidingo

 Umxholo

Imixholo yeentsomi kukuchaza imvelaphi yezinto zasendalweni,  eyokufa, eyeempawu nezimbo ezithile ezilwanyaneni nasezintakeni.

Ngako oko kufanelekile ukuba ibe zizinto ezivela kudala-dala.

 Umxholo kwiintsomi ezininzi ziinzingo nezilingo ezifuna ukweyisa umntu kwidabi lobomi lokulwela ubuntu obungenazihlava. Ngamanye amazwi lo mxholo ungokoyisa kobubi bubulungisa. 

Zikwakho neentsomi ezimxholo ikukuphoxisa ngobutyhakala okanye ukungcungcuthekiswa kwezityhakala zizilumko.

Yonke le mixholo ineemfundiso enazo kwaye inabalinganiswa eboniswa ngabo.

 Aba balinganiswa basenokuba ngabantu abaneempawu ezingaphelelanga okanye isenokuba zizilwanyana okanye iintaka.  Abalinganiswa abazezi ntlobo banako ukufumaneka ebalini elinye.

Isimo sentlalo

Intsomi ibalisa ngezinto zamaxesha akudala-dala, kwiindawo zakudala.

Ezinye zezi ndawo zide zibe namagama azo anjengoLatakisa, Bhakubha namanye ke.

Isizathu soko kukuba izinto ezenzeka kula mabali zahluke lee kwezanamhlanje; ngokunjalo nabantu nezilwanyana zakhona.

 Kwindawo elenzeka kuyo ibali kudla ngokuba kubekho umlambo, ihlathi eloyikekayo okanye umqolomba.

 Imizi yale ndawo ikholisa ngokuqelelelana kakhulu, ngokokude yahlulwe zezi zinto.

Isimbo sombalisi wentsomi

Umbalisi wentsomi angafaniswa nomdlali weqonga, eyona njongo yakhe kukwenza abaphulaphuli bakhe bahlale benomdla kwibali lakhe nokuba ibali libetheleleke ezingqondweni zabo.

 Ukuphumelela kule njongo kuxhomekeke kwisimbo sokuthetha nakubuchule kwizangotshe ezithile. Ilizwi lombalisi linegalelo elikhulu ekubalisweni kwentsomi.

Umbalisi uyaliguquguqula ilizwi lakhe ngokwemeko leyo. Abalinganiswa entsomini ngabantu, izityalo kunye nezilwanyana. Umbalisi entsomini uba sisinxada-nxada esimela bonke aba balinganiswa ngokudlala iindawo zabo bonke.

Umzekelo 

 

https://www.youtube.com/watch?v=W8DIndS6v1k

 

Evaluation
INDLELA YOKUHLOLA
Imibuzo Amanqaku Okulindelekileyo kumfundi
1.1   2 Inkcazelo echanikileyo yentsomi
1.2   3 Iindidi zentsomi ezintathu
2.1 (a)   2 Indlela ecacileyo esibona ngayo ukuba intsomi iyaqala
      (b)   2 Indlela ecacileyo esibona ngayo ukuba intsomi iyaphela
2.2  2  Impendulo echanekileyo ngokwenzeka entsomini
2.3  2 Iziphumo ezi zizo ngokwenzeka entsomini
2.4  Imfundiso echanekileyo ngokoluvo lomfundi

 

Conclusion

Njengokuba sikuncwadi lwemveli ngomso sizofunda  ngezaci namaqhalo  kunye nentsingiselo yazo.

Umzekelo 

Inyoka nesele

Kuthethwa ngokungevani

Funda kulevidiyo engezantsi ukuze ukwazi ukulungiselela isifundo esilandelayo.

https://www.youtube.com/watch?v=y8bd9OV8yhg

 

Credits

Study & Master Support Pack Grade 12 Icandelo lesi-3 IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya

https://www.youtube.com/watch?v=uCPX_Bhp6G4&t

 

Teacher Page

Asiphe P Gadiso 219370117

Email: asiphepretty.gadiso@gmail.com

Cell no: 082 7519 491