Introduction
Kakade bekungenakuphethulwa kungekasengwa mandithabathe elithuba ndibulise kuni bafundi bakowethu. Namhlanje isifundo sethu siyakuthi sintsokothe ekuhlalutyeni isihobe, wonke umfundi kulindeleke ukuba abukele lomfanekiso bhanyabhanya ungezantsi.
Task
Wonke umfundi kulindeleke ukuba abukele lomfanekiso bhanyabhanya ungezantsi ukongeza kulwazi analo.
Umbuzo 1
1.
1.1 Yintoni isihobe? [2]
1.2 Chaza ukuba loluphi udidi lwesihobe olu. [2]
1.3 Ithini eyona mfundiso yalo mbongo? [2]
1.4 Nika ezinye iindidi zemibongo kwaye uzicacise. [4]
Process
Bukela lemifanekiso bhanyabhanya ingezantsi okongeza ulwazi.
Evaluation
Ukwabiwa kwamanqaku
| Umbuzo | Amanqaku |
| 1.1 | Apha kulindeleke ukuba umfundi ngamnye anike inkcazelo ephelelyo kwaye acacise banzi ukuze afumane amanqaku apheleleyo. [2] |
| 1.2 | Emva kokuba uchazile kulindeke ukuba uxhase impendulo yakho ngokunika isizathu eso uyixhasa ngaso. Qaphela ukuba isizathu sakho asichanekanga akuzuwafumana onke amanqaku. [2] |
| 1.3 | Apha nayiphi na impendulo ivumelekile kodwa umfundi angaphumi emxholweni koko kuvumelekile ukusebenzise ulwazi lwemveli okanye analo ngokwendlela aqonda ngayo. [2] |
| 1.4 | Ukuze ufumane amanqaku apheleleyo kufuneka unike udidi lwesihobe kwaye utsho ucacisa banzi. Qaphela ukuba ingcaciso yakho ayiphelelanga akuzuwafumana onke amanqaku. [4] |
Conclusion
Wonke umfundi makabukele lomfanekiso bhanyabhanya ulandelayo akugqiba andichazele ukufundileyo kwesisifundo sanamhlanje.
Credits
Teacher Page
Ukuba ukhona umfundi ongacacelwanga angaqhagamishelana nam kwizizinto zilandelayo.
Mcosana Mthulisi 218135467
083 491 4076