Introduction
Molweni bafundi isifundo sethu sanamhlanje singencwadi ethi Ityala lamawele.
Bukela olushicelelo lwe vidiyo ngaphambi kokuba uqale isifundo sakho.
Task
- Lo msebenzi ulindeleke ukuba enziwe nguwe wonke umfundi.
- Kulindeleke ukuba azisebenzele yedwa umfundi.
- Lo msebenzi ucazululwe ngokwamanqanaba amana, kulindeleke ukuba aphendulwe oko.
Emva kokuba umfundi ezifundele ibali elo, kulindeleke aphendule le mibuzo mihlanu ingezantsi.
- Liqhubeka phi elibali ?
- Ngobani abalinganiswa abaphambili kweli ibali?
- Yintoni eyenzekayo eyathi yothusa wonke umntu mhla kuzalwa amawele?
- Ngubani umphembeleli ize ibengubani unozakuzaku kweli bali?
- Bhala, uxoxe ngempixano ezifumanekayo ebalini elo, usebenzise awakho amazwi.
Process
Landela le miyalelo ngokwendlela ebekwe ngayo.
- Funda ibalana elithi Ityala lamawele
- Bukela ividiyo leyo yenziwe ngu titshala.
- Ziphendulele imibuzo leyo ibuziweyo.
- Shwankathela elibalana, usebenzise awakho amazwi.
Evaluation
Amanqaku alomsebenzi ame kanje.
- Liqhubeka phi elibali? (2)
- Ngobani abalinganiswa abaphambili kweli bali ? (2)
- Yintoni eyenzekayo eyathi yothusa wonke umntu mhla kuzalwa lamawele? (3)
- Ngubani umphembeleli ize ibengubani unozakuzaku kweli bali? (3)
- Bhala, uxoxe ngempixano ezifumanekayo ebalini elo, usebenzise awakho amazwi (10)
Amanqaku= 20
Conclusion
Njengokuba abafundi bezifundele ibali, Baze baphendula nemibuzo ethetha ngebali elo. Umfundi ngamnye kulindeleke afike ekhaya, ashwankathele ngawakhe amazwi (250) oko kuqulathwe ebalini aze adele nenjongo yombhali ukuba ibisithini.
Credits
Amabali amafutshane eSixhosa aqulathe imfundiso ezininzi ezifihlakeleyo, akwaxhobisa abafundi ngolwazi olubalulekileyo abanoluthi balusebenzise ebomini.
Amabali amafutshane abaluleke kakhulu kuba ngawona maninzi, kuba kaloku amafutshane amabali asinceda ngokuthi angasimosheli ixesha ngokuthi kuthethwe ngako konke okwenzekileyo ebalini, apha kumabali amafutshane kuyo kubhalwe ngoko kubalulekiyo nokuyi mfundiso kodwa.
Teacher Page
Okulindelekileyo emva kwesifundo:
- Abafundi bakuthi bakwazi ukuzifundela ibali.
- Abafundi bakuthi baqonde umahluko phakathi ngempixano yangaphakathi neyangaphandle.
- Abafundi bakuthi bakwazi noku analayiza itekisi.
- Abafundi bakuthi bakwazi injongo yelibalana kwane mfundiso yalo.
Mnuzana M.Shumi