Izibizo

Introduction

Le Webquest izokucacisa nzulu ngezibizo kunye nezenzi. Isibizo ligama lento, elomntu kunye nelendawo. Le link ingezanzi izokucacisa nzulu ngendlela  izibizo kunye nezenzi ezisebenza ngayo.

https://drive.google.com/file/d/10vq_uEDzwnuBj1Jqqq6hDZgDsi-qrVW3/view?usp=sharing

Task

Abafundi bazofunda isicatshulwa, zebakhuphe izenzi kunye nezibizo. Bakhe ezabo izivakalisi zabo ezintlanu Umfundi ngamnye acacise indlela ayiqonda ngayo ukuba isibizo lixela ntoni kwaye banike nemizekelo ezokucacisa nzulu izibizo zabo. Umfundi ngamye uzokuxela ukuba kutheni ekhethe imizekelo yezibizo azobe ezikhethile. Nantsi ilink ukongeza kulwazi.

https://www.youtube.com/watch?v=hKIXNthN9mU

 

Process

Step 1. Umfundi uzakutji afunde isicatshulwa asinikiweyo 

Step 2. Umfundi uzakuthi akhuphe izibizo kunye nezenzi ezifumaneka kwisicatshulwa

Step 3. Umfundi uzakuthi akhe izivakalisi ngezibizo kunye nezenzi azzifumane kwizicatshulwa

Step 4. Umfundi uzakuthi achaze zisetyenziswe njani izibizo kunye nezenzi

            20 marks

Iinkokheli zasekuhlaleni ziya kucebisana ngokuchonga malunga nokwenza

indlela yokuba umthendeleko ufumaneke emalungwini kanye ngenyanga

ebuncinaneni

UBongameli bokuQala neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini

beBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela bathumele le

ncwadi yembalelwano ilandelayo EyoKwindla 12, 2020 kumalungu eBanlda

kwihlabathi lonke jikelele.

Bazalwane nooDade abathandekayo,

Njengoko bekuthenjisiwe kwincwadi yembalelwano kweyoKwindla 11, 2020,

siqhubeka nokubeka iliso iimeko eziguqukayo ezinxulumene ne-COVID-19

kwihlabathi lonke jikelele.  Siyithathele ingqalelo ingcebiso yeenkokheli

zasekuhlaleni, yamagosa karhulumente kunye neyeengcali kwezonyango,

kwaye sithe safuna isikhokelo seNkosi kule miba.  Ngoku sibonelela ngale

mikhomba-ndlela ehlaziyoweyo ilandelayo. 

Ukuqala ngokukhawuleza, konke ukuhlangana kwasesidlangalaleni

kwamalungu eBandla kuyanqunyanyiswa okwexeshana kwihlabathi lonke

jikelele kude kube nokwaziso olungakumbi.  Oku kuquka:

 Iinkomfa zeengqokelela zamasebe, iinkomfa zobunkokheli kunye

nezinye iintlangano ezinkulu

 Zonke iinkonzo zonqulo lukawonke-wonke, oluquka neentlangano

zomthendeleko

 Iintshukumo zamasebe kunye nezeengqokelela zamasebe

Apho kunokwenzeka khona, ncedani niqhubele nayiphi na imihlangano

ebalulekileyo yobunkokheli ngeenzame zobuxhakaxhaka.  Imibuzo ethile

ingabhekiswa kwiinkokheli zobubingeleli zasekuhlaleni.  Umkhomba-ndlela

ongakumbi onxulumene neminye imiba uya kunikwa.

OoBhishophu kumele bacebisane nomongameli weengqokelela zamasebe

ngokuchonga malunga nokwenza indlela yokuba umthendeleko ufumaneke

emalungwini kanye ngenyanga ebuncinaneni.

Sikhuthaza amalungu kwiinzame zawo ekulungiseleleni ukuba akhathalelane. 

Kumele silandele umzekelo woMsindisi ekusikeleleni nasekuphakamiseni

abanye.

Sinika ubungqina bethu ngothando lweNkosi kweli xesha lokungaqiniseki.   

Yena uya kunisikelela ukuba nifumane uvuyo njengoko nisenza konke

ekusemandleni wenu ukuphila ivangeli kaYesu Krestu kuzo zonke iimeko.

Ozithobileyo,

UBongameli bokuQala neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini

Evaluation

Ufundwa kwesicatshulwa 5 marks

Ukukhutshwa kwezibizo kunye nezenzi 5 marks

Ukubhalwa kwezivakalisi 5 marks

Ukucacisa ukuba zisetyenziswe njani izivakalisi 5 marks

 

Conclusion

Kufuneka abafundi bathathe ixesha ukubukela ivideos abazinikiweyo, ukwenzela isifundo sanamhlanje sibetheleleke engqondweni

Credits

Phumlani