IsiXhosa- Ukubhalwa kwesincoko

Introduction

https://youtu.be/4T-lNibbiTY

Task

1. Uzakuchonga isihloko sibesinye kwezi zilandelayo:

  • imibono endinayo ngam xa ndiphangela. okanye
  • izinto endinokuziphucula xa ndinokuba ngunontlalo-ntle kwisithili sam. okanye
  • izinto ezinokwenziwa ngabazali, iititshala, norhulumente ukuncedisana nabafundi ukuba balungele iimviwo zokuphela konyaka. okanye  
  • Qaphela lo mfanekiso ungezantsi uze uzokhele isincoko esinxulumene nalo mfanekiso.

A 'Safe' Smoking Gadget, Vodka Made From Air, and More News | WIRED

2. Landela imiyalelo oyifundisiweyo yokubhala isincoko

3. Gcina umsebenzi wakho ze uwuthumele kum nge imeyile okanye uwufake nge link oyinikiweyo.

Process

1. kuleklasi yanamhlanje, umfundi ngamnye uzakufunda ukuzibhalela isincoko sakhe.

2. izihloko zinikiwe, elowo nalowo uyakuzikhethela asthandayo ze atyatyadule phantsi kwaso.

3. Isincoko esichanekileyo kufuneka siqulathe konke oku kulandelayo: 

  • Isihloko esibhalwe ngokucacileyo.
  • Intshayelelo egawula iwarhuqa malunga noko uzakubhala ngako.
  • Umxholo onxulumene nesihloko.
  • Isiphelo esiqukumbela konke oko ubhale ngako.

4. Amakhasi anokunceda ufunde ukubhala isincoko:

  • Incwadi: Masikhanyise Grade 10

Uvumelekile ukubukela le vidiyo ukuze ubone amanyathelo onokuwalandela.

https://youtu.be/UuOWNNvupik

 

Evaluation

Isincoko sakho ke siyakuthi sihlolwe ngalendlela ilandelayo:

Isiqulatho                                            Amanqaku 

Umongo noyilo

Ulwimi, Isimbo, nokuhlela

Isakhiwo/ imo

        30

        15

        05

Amanqaku ewonke        {50}

 

Conclusion

Ndivuyisana nawe mfundi!

Xa sele ufikile kwelikhasi, lonto ithetha ukuba ukwazile ukulandela yonke imiyalelo oyininikiweyo wasze wakwazi ukubhala oko kuthiwe kubhale ngendlela efanelekileyo.

Oku kuthetha ukuba usibhalile isincoko ngendlela oyalelwe ngayo. ngoku uyazazi iindidi zezincoko kwaye uyazazi izinto ezilindelekileyo kuwe xa ubhala.

Ufundile ukuba isincoko sakho masibe nesihloko, intshayelelo, umxholo kunye nesiphelo kwaye yonke lento kufuneka ithungelani.

Ufundile ukuba kufuneka uzikise ukucinga nje ngomfundi kuba isihloko sesincoko awuzukuhlala uzicingela, koko unako ukukhetha kozinikiweyo okanye usebenzise umfanekiso owunikiweyo ukwakha isincoko.

Yanga ungabhala kakuhle iimviwo zakho, ubenemini emyoli.

Credits

Isiqulatho

  • Imfanekiso osetyenzisiweyo ucatshulwe kwi intanethi. 
  • Izihloko ezesetyenzisiweyo zithatyathwe kumaphepha abhaliweyo.
  • Irubrikhi: kuthatyathwe eyesixhosa esetyenziswa ngokusesikweni.

Iimvume

Sonke siyangenelwa ngokuba nesisa kumsebenzi wethu. Imvume inikwe abanye ukuba basebenzise kwaye bayilungise le WebQuest ngeenjongo zemfundo, ezingezizo ezentengiso ukuba nje ubuqambi bokuqala buvunyiwe.