IsiXhosa Home Language: ISENZI

Introduction

Molweni bafundi 

Isihloko sethu sanamhlanje sizaku sifumana kwi ZENZI. jonga ngobubele ividiyo endiyincamathele ngezantsi (cofa ikhonkco elingezantsi).

https://share.icloud.com/photos/0f1HjzYRtaqlZzzDwcZcR8nSw

Task

UMSEBENZI WASE KLASINI

1. Yintoni isenzi (2)

2. Xela iindidi zezenzi (6)

3. Chonga isenzi kwisivakalisi ngasinye uze uxele ukuba sikweliphi na ixesha eso senzi. 

3.1 Utata uqhube inqwelo. (2)

3.2 Umama uhlamba impahla. (2)

3.3 UTitshala ubhala umsebenzi ebhodini. (2)

3.4 Usisi utyisa usana. (2)

3.5 UMakhulu upheke isidudu. (2)

3.6 UKabelo uchola ivili. (2)

                AMANQAKU EWONKE: 20

 

Process



IMIYALELO

-Phendula yonke imibuzo.

-Bhala kwiincwadi zakho zomsebenzi waseklasini.

-Funda amanqaku kwaye ubukele iividiyo ezingezantsi ngaphambi kokubhala umsebenzi wakho.

https://www.yumpu.com/xx/document/read/65645180/isixhosa-sam-nam-nawe-indd2-15-dec-2020

 

https://www.youtube.com/watch?v=ygtPqkLAbEQ&feature=share&si=ELPmzJkDCL…

 

Evaluation

Ndizakuthi ndisebenzise lerubrikhi ulandelayo ukumakisha.

IRUBRIKHI YAMAXESHA WEZENZI

OKULINDELEKILEYO  AMANQAKU EWONKE 
1. Yintoni isenzi.      2
2. Nika amaxesha ezenzi.      6

3. -Chonga izenzi

  -Xela ukuba isenzi ngasinye sikweliphi na ixesha.

     6

 

      6

AMANQAKU EWONKE        20

 

Conclusion

Kuphelele apho namhlanje, isifundo sethu siza kuphelela apha. Ungalibali ukubhala umsebenzi wakho, sebenzisa iincwadi zakho zeklasi ukuwubhala uze uwungenise eklasini ngoMvulo.

Umsebenzi ungena ngomhla we 12 Septemba 2022 (23:59).

Ukuba unombuzo okanye unento ongayiqondiyo ungandi imeyilela okanye uqhagamshelane nam ku WhatsApp.

Yiba nosuku olumnandi.

Enkosi!!

 

Credits
Teacher Page

Ungaqhakamshelana nam kwezincukacha zilandelayo:

 

Miss Maswana

email: 220032920@mycput.ac.za

WhatsApp: 0782597438