ILETA YOBUHLOBO

Introduction

Ibanga 10

Isifundo: iLeta yobuhlobo

Woke umfundi makabukele le vidiyo ishicilelweyo phambi kokuba isifundo sethu sanamhlanje siqalise.kodwa khumbula mfundi ukuba isifundo sethu sanamhlanje sizokuba ngendlela yokubhala ileta kwaye nempawu zeleta yobuhlobo

.

https://youtu.be/_CFNCkHKiAg

 

Task

UMSEBENZI

Bhala ileta yobuhlobo

Bhalela umhlobo wakho osenyongweni umbalisele ngemini yakho yokuqala esikolweni

Landela lenkqubo yokubhala xa ubhala

  • Qala ucwangcise ingcinga nengcamango zakho  kwisicwangiso sengqondo phambi kokuba ubhale ileta.
  • Izivakalisi zakho kufuneka zihambelane kwaye ziphefumlelane.
  • Bhala amagama ayi 150-200
  • Bhala ngesigama esiphuhlisa ulwimi
  • Hlela umsebenzi wakho
Process

Qaphela mfundi xa ubhala ileta yakho kukho izigaba apha othi uzilandele.

  1. Isigaba sokuqala - Ukubhala idilesi yakho.
  2. Isigaba sesibini - Ukubhala  isibuliso kwileta yakho.
  3. Isigaba sesithathu - Ukubhala Isiqalo salo uzazisa kulowo umbhalela ileta.
  4. Isigaba sesine - Ukubhala isiqu apho uye ungene gabalala jumxholo wakho.
  5. Isigaba sesihlanu - Apho uye iqimbele konke oko ubuthe wakukhankanya eleteni yakho.
  6. Isiqaba sokugqibela- Apho uye ubhale khona  igama lakho ekugqibeleni.

Cofa ezi Link zilandelayo apho uboniswa gabalala ngobhala ileta.ulandele izigaba ubhale eyakho ileta.

Wandule ufaka umsebenzi wakho emveni koba ugqibile ubhala ileta yakho.

Evaluation

Amanqaku eLeta

  • Ileta yobuhlobo inedilesi enye                                                                                                                                               [2]
  • Ubhala idilesi kwikona ekwicala lasekunene                                                                                                                        .[2]
  • Xa ubulisa usebenzisa u Endimthandao, kaloku  umntu ombhalelayo uthandwa nguwe wedwa.                                        [2]
  • Kwintshayelelo yakho kufunaka ubonakalise ubudlelwane bakho nalomntu umbhalelayo                                                   [4]
  • Isiqu kufuneka uwohlule kunye nesiphelo.[4]
  • Kwisiqukumbelo uwusebenzisi simnini esingxininisayo oko kuthi Owakho umntwana.ubhala kanje: Umntwana wakho.     [2]
  • Kufuneka ushiye imigca phakathi kwemihlathi yakho wahlule nesiqu sakho ngokwemihlathi.                                              [2]
  • Kufuneka ubenesicwagciso ngcinga ngamaxesha oko phambi kokuba ubhale ileta                                                            [10]                                                                        

 

                                                                                              AMANQAKU EWONKE [24]

Conclusion

Wonke umfundi ulindeleke ukuba angenise umsebenzi wakhe  phambi kwentsimbi yesixhexe.umfundi ngamnye ulindeleke ukuba alandele zonke ezazigaba zikhankanyiwyo xa ubhala ileta.ukuba umfundi wohlulekile ukulandela ezazigaba uzothi anyityilelwe amanqanku.

 

Credits

Olushicilelo lokufunda kuncedisana nawe mfundi ukuba ukhulise ulwazi kwakho kwizixhobo ze tekinology kwaye lukwancedisana nawe mfundi ukuba kwelixesha linzima kangaka lalogawulayo ukuba uthi nawe ukwazi ukufundela endlini ,oko kuyathi kumenze umahluko omkhulu kuwe .

Teacher Page

Ungaqhagamishelana nam apha 

218070330@mycput.ac.za