Introduction
Molweni bafunid bebanga leshumi namhlanje sizokufunda ngesihobe .Umxholo wosuku izakuba kukuhlalutya umbongo ngaphakathi nangaphandle .Ndizakuqala ngokucacisa ukuba yintoni na isihobe nezizinto oye uthi ugxile kuzo xa uhlalutya umbongo .injongo yesifundo kukuba abafundi bazi udidi lombongo ,Isakhiwo sombongo sangaphandle naphakathi ,Imiqolo ,Izitanza,Izafobe,imo yembongi ,Isantya sombongo kwakunye ne Mfundiso
Task
Xa bafundi nigqibile ukubukela le vidiyo ingezantsi nandule ukuphendula imibuzo elandelayo
Imibuzo
1 Ludidi luni lombongo olu ?
2 Zixhase kule mpendulo uyinike kumbuzo woku -1
3 Mfundisoni efumaneka kulo mbongo ?
4 Ityhila ntoni imbongi Ngesafobe esisebenzise kumqolo wesi 3?
Process
Uhlalutyo lwangaphandle uhlalutyo lwangaphakathi
Izafobe
-Isihloko -Isimntwiso
-Umbhali -Isifaniso
-Imiqolo - Isikweko
-Izitanza -Isihlonipho
-Udidi lombongo -Iqhalo ne saci
-Isantya sombongo -Isifanodumo
-Imfundiso
Evaluation
Iimpendulo ezichanekileyo
1 Udidi lwalo mbongo yisonethi (1)
2 Ndithi yisonethi kuba lombongo unemiqolo elishumi elinesine kwakunye nesitanza esinye (2)
3 Imfundiso efumaneka kulo mbongo kukuba isikolo sibalulekile ngumavula kuvaliwe kwaye xa ufundile uyachubeka ngokwengqondo uye ukwazi nokuphuma entluphekwani .(3)
4 Isifaniso esisetyenziswe kumqolo wesi-3 sidandalazisa ukukhanya okubangelwa lulwazi olufumane ekufundeni (4)
Amanqaku ewonke (10)
Conclusion
Nanjengoko bafundi sifundile ngendlela yokuhlalutya umbongo ndifuna ke bafundi nihambe niye emakhaya apho umntu azozikhangelela udidi lombongo othandwa nguye awuhlalutye zesibuye siwenze sonke apha eklasini nezilungiso .umfundi ngamnye ke uzoza nolunye udidi lombongo hayi lona besiwenze apha eklasini uyisonethi
Credits
Isihobe luncwadi olunesingqisho olubonakalisa intshisakalo esuka emxhelweni . Sine ndidi zesihobe Izibongo kwakunye nemihobe nemibongo .Sinazo nendidi zemibongo .Apha kwisihobe sifumana ezi zinto zilandelayo
iindidi zembongi -Imbongi yosiba neyomthonyama
iindidi zesihobe-izibongo ,imihobe nemibongo
iindidi zemibongo -umbongo- mbaliso,umbongo -nckazo,umbongo -mfundiso ,intyilazwi ,i-eleji,indumasiso,i-ode,isonethi
Uhlalutyo lombongo
Teacher Page
Isihobe sibonisa iindidi zemibongo ezinazo kwakunye nesakhiwo semibongo leyo nendidi esinazo zembongi
umfundi ofuna ingcaciso ethe vetshe angaqhagamishelana nam kwezi nkcukacha zilandelayo
inombolo -yomxeba 0628117645
imeyile- afikanci@gmail .com