ISIXHOSA 2021

Introduction

https://youtu.be/1yQxzzdMVMs



Isifundo sanamhlanje simalunga nge Ntsomi kulindeleke abafundi-:

-bakwazi uhlalutya intsomi

-bazazi impawu zentsomi 

-bazazi indidi zentsomi

-bawazi amaqanaba ezahluko zentsomi 

 

Task

PHENDULA LE MIBUZO ILANDELAYO MALUNGA NENTSOMI 



UMBUZO 1 [9]

1.1 Yintoni intsomi ?  (2)

1.2 Chaza indidi zentsomi zibe ntathu (3)

1.3 Xela impawu esibona ngazo ukuba intsomi  yintsomi. Impendulo yakho mayathele kulamaqanaba 

(a) Intshayelelo    (2)

(b) isiphelo (2)

 

UMBUZO 2 [25]

2.1 Thatha neyiphi intsomi oyithandayo yesiXhosa uze ucazulule isakhiwo sayo uchankcatha kulamanqanaba alandelayo: 

(a) Imfuno (4)

(b) Isivumelwano (4)

(c) Ukudubaduba (4)

(d) Iinzame (4)

(e) Isiphumo (4)

(f) Ukusinda (4)

Ungalibali ukuchaza isihloko sentsomi yakho.(1)

     

Process

Umzekelo wentsomi 

https://youtu.be/uCPX_Bhp6G4

Iintsomi

• EsiXhoseni kukho intetho edla ngokusetyenziswa ethi: Ukwenza intsomi.

• Maxa wambi kusetyenziswa isikweko kuthiwe: yintsomi.

• Ezi ntetho zombini zisetyenziswa ikakhulu xa sukuba umntu ebalisa

into ekunzima ukuba kukholelwe ukuba ingenzeka okanye yenzekile.

• Ngamanye amaxesha ezi ntetho zizihlonipho okuthi kuyaxokwa.

• Le nto ke yokunxulunyaniswa kweentsomi nobuxoki seyiqhelekilekangangokuba umntu angade acinge ukuba ziyinto efanele kucezelwe njengobuxoki obu.

Kanti ke akunjalo.

Iintsomi zibalulekile kakhulu kwizizwe zonke. 

Isakhiwo sentsomi

• Iingcali ezithile kuncwadi ziyivelele indima yesakhiwo sentsomi.

Ezinye zisahlula isakhiwo sentsomi ngokwala manqanaba alandelayo:

• Isidingo: Apha kukho into enqabileyo edingekayo eluntwini okanye

ezilwanyaneni.

• Isivumelwano: Kwenziwa iinzame zokuhlangabezana nesidingo eso.

Akukwazeki ukuhlala izinto zingalunganga.

• Ukudubaduba: Kubakho into, umntu okanye isilwanyana esiphazamisa,

sidubadube, saphule isivumelwano ebekufikelelwe kuso sisininzi.

• Iinzame: Kwenziwa iinzame zokulwa nomdubadubi.

• Isiphumo: Isiphumo sisenokuba sihle okanye sibe sibi.

• Ukusinda: Umdabadubi usenokusinda okanye abanjwe, ukanti nabantu

okanye izilwanyana zinokusindisa, silunge isidingo.

• Umahlukwana okhoyo kukuba intshayelelo yentsomi ingahlulwa

kubini: kukho isiqalo kuze kubekho inqu ntshayelelo.

• Isiqalo kwiintsomi zonke: “Kwahlala, kwahlala kwangantsomi,”

okanye “Kwathi ke kaloku ngantsomi.”

• Umbalisi emva kokuzoba ibuyambo uphetha ngebinzana elifana

kwiintsomi zonke elithi: “Phela phela ngantsomi”.

 

https://www.cambridge.org/za/files/3815/8918/7340/Study__Master_Gr12_isiXhosa_Icandelo_lesi_3.pdf

Evaluation

Indlela yokumakisha nezinto utitshala azakuzijonga xa emakisha.

IMIBUZO 1 Amaqaku  okulindelekileyo 
1.1  (2x1) ipendulo ecacileyo necacisa intsomi
1.2  (1x3) kuchazwa indidi zentsomi zibentatu 
1.3

 (a) 2

 (b) 2

Indlela ecacileyo esibonangayo ukuba intsomi iyaqala.

nendlela ecacileyo esibona ngayo ba intsomi iyaphela.

UMBUZO 2 

2.1 Isihloko sentsomi sibonakala cacileyo (1)

umfundi uyakwazi ukucalula

amaqanaba kwintsomi yakhe andule ukuyicacisa ngokuqhagamishela kwisifundo anaso.

(a,b,c,d,e,f)

4%

Umfundi uyakwazi ukucalula amaqanaba

kwintsomi yakhe kodwa angaqhangamishi kwisifundo ngeloqanaba 

(a,b,c,d,e,f)

2-3%

Umfundi akakwazi ukukhupha amaqanaba kwintomi yakhe ubhala la awacaciselweyo kuphela.

(a,b,c,d,e,f)

1-2%

Amaqaku ewonke 34 

Conclusion

Njengokuba siku ncwadi lwemveli ngomso sizaku gxila kakhulu kwamaqhalo nezaci Kunye nentsingiselo ngoba izakuphuma kuvavanyo olulandelayo.

Funda kulomboniso ulandelayo ukuze wandule ukulungiselela ungomso. 

https://youtu.be/sp4J1GPmLeI

 

Credits
Teacher Page

Sinovuyo Muru 219023689

Email- murusinovuyo@gmail.com

Call and WhatsApp- 0837404610