IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya: Ileta yobuhlobo.

Introduction

https://youtu.be/OgwbYvnRUYs 

Task

Ileta yobuhlobo ibhalelwa izihlobo, izalamane, nabahlobo ngeenjongo ezahlukeneyo.

Injongo:

Kukugqithisa ulwazi/ umyalezo nokugcina ubudlelwane. Umbhali ke kufuneka aqiniseke ukuba ubhalela bani kanye. Umbhali usenokubhalela umsakwabo ecela ukuya kuchitha iiholide ukanti usenokubhalela unina okanye uyise esenza esi sicelo sinye. Umahluko uba kwithoni nerejista

Umzekelo weleta engamkelekanga:

                                                                                                                Alice

                                                                                                                P.O Box 1885

                                                                                                               West Street

                                                                                                               5685

                                                                                                               12-05-2018

Mama wam othandekayo.

Kuluvuyo kum ukuba ndifumane elithuba lokukubhalela le leta, kuba sixakeke ngeyona ndela kule kota silungiselela imviwo zesiqingatha sonyaka.

Solanga omhle, ndicela nindivumele notata ngezi holide zobusika ndihambe nomhlobo wam uNana ndiye kutyela iholide kokwabo egcuwa. Uthi kuza kube kukho iqela elivela kuCentane eliza kudlala incwadi esiyifundayo ethi iNkawu idliw’ilila. Kubalinganiswa abaza kube bengabadlali kwiqonga, kuzakube kukho nombhali wale ncwadi uMnu. S kula nto leyo eyakundinika ithuba lokuba ndizibuzele imibuzo kwiindawo endingaziqondiyo.

Lo nto iza kwenza ukuba ndiyiqonde ngakumbi lee ncwadi kuba ndiza kubabona ngamehlo ndibeve ngeendlebe abalinganiswa. Ndiyanithembisa ukuba ndakuziphatha kakuhle, andisayi kuniphoxa.

Ndibulisele kutata nakubantakwethu. Ndikuthembile ke Bhelekazi, mama wam ukuba akunakundiphoxa.

Sala kakuhle mama wam

Eyakho intombi

Yandisa vena (nkszn.) 

                                                                                                           

Umsebenzi:

Bhalela umhlobo wakho olele ngandletyananye esibhedlele mkhuthaze umnike nethemba lokuba uza kuphila azibone ephume esibhedlele kungekudala.

(25 AMANQAKU)

 

Process

Qaphela mfundi!

Ileta yakho mayiqulathe idilesi enye ebhalwe ngendlela eyamkelekileyo iqalwe kwisiqingatha sephepha, ime, ingaxwesi. Umhla, inyanga nonyaka ebhalwe ngawo mawubhalwe ngasezantsi kwedilesi. (inyanga mayibhalwe ngokwamagama ingengawo amanani umz. 12 Julayi 2018)

Uvumelekile ukuboleka igama lesiNgesi xa ubhala inyanga kodwa ulibhale ngesiXhosa (umz. Matshi) okanye usebenzise iinyanga zentsusa (Tshazimpuzi).

Emva kwedilesi kulandela isibuliso. (umz: Nolundi endimthandayo)

Shiya umgca phakathi kwedilesi nesibuliso (isibuliso sibhalwa ngesiXhosa).

Akukho ziphumlisi kwidilesi, kwisibuliso nakwisiphelo.

Kubalulekile ukuba imihlathi yakho yesiqu uyahlule ngokweengcamango ezahlukeneyo.

Sebenzisa ulwimi olungekho sesikweni ukuya kolusesikweni. (olusesikweni ulusebenzisa xa uthetha nomntu omdala kunawe) 

Isiqukumbelo seleta yakho sidla ngokubhekisa kwimibuliso okanye iminqweno emihle.

Kwisiphelo seleta yobuhlobo kubhalwa: umhlobo wakho kunye negama lakho elingenafani. (Akuvumelekanga ukuba ufake intsayino gama)

Isiphelo sihambelana nalowo ileta ijoliswe kuye umz: ukuba ubhalela umama wakho, uza kuthi: Intombi yakho/ Unyana wakho wandule ukubhala igama lakho elingenafani ngasezantsi.

 

Ukukunceda uqonde ngakumbi mayelana nalo mxholo, bukela oku kuqhotyoshelwe ngezantsi.

https://youtu.be/DW4kFCTDeOY

 

Evaluation
Imiqathango  

Egqwesileyo 

Esemagqabini neqaqambileyo     Eyanelisayo nefanelekileyo Eyinxalenye  Engaphumelelanga      

UMXHOLO, UCWANGCISO NEFOMATHI

Impendulo nezimvo.

Ulungelelwaniso lwezimvo nokucwangcisa.

Injongo, abantu ekujoliswe kubo, iimpawu/ imigaqo nesimo sentlalo.

 

15 AMANQAKU

(13-15)

-Impendulo igqwesile ngaphezu koko bekulindelekile. -Izimvo eziqiqisisiweyo nezivuthiweyo. -Ulwazi olunzulu ngeempawu zohlobo lomhlathi obhaliweyo. -Ubhalo lusemxholweni ncakasana. -Ukuthungelana komxholo nezimvo. -Icaciswe nzulu kwaye zonke iinkcukacha ziyasixhasa isihloko. -Ifomathi yamkelekile kwaye ichanekile.

(10-12)

-Impendulo esemagqabini ebonisa ulwazi olululo ngeempawu zodidi lomhlathi. -Ubhalo lusemxholweni. -Ukuthungelana komxholo nezimvo, kucaciswe kakuhle kakhulu kwaye neenkcukacha zixhasa isihloko. -Ifomathi efanelekileyo eneziphene ezingephi.

 

 

 

 

 

 

 

 

(7-9)

-Impendulo eyanelisayo ebonisa ulwazi ngeempawu zodidi lomhlathi. -Ayikho mxholweni ngokupheleleyo. -Kukho ukuphambuka okungephi emxholweni. -Ubukhulu becala uyathungelana umxholo nezimvo. -Ezinye iinkcukacha ziyasixhasa isihloko. -Ubukhulu becala ifomathi ifanelekile kodwa kukho iziphene ezingephi.

 

 

 

(4-6)

-Kubonakala ubunzima malunga nolwazi lweempawu zolu didi lwetekisi. -Kukho ukungqamana okungephi okusemxholweni kodwa ukuphambuka kubhalo. -Akusoloko kukho uthungelwano phakathi komxholo nezimvo. -Zimbalwa iinkcukacha ezixhasa isihloko. -Imigaqo eyimfuneko yefomathi isetyenziswe ngokungacacanga. -Imigaqo engundoqo yefomathi yetekisi ityeshelwe.

 

 

 

(0-3)

Impendulo ibonakalisa ukunqongophala kolwazi ngeempawu zodidi lomhlathi. -Intsingiselo ilahlekile kwaye akakho mxholweni kwaphela. -Ayithungelani kumxholo nezimvo. -Zimbalwa kakhulu iinkcukacha ezixhasa isihloko. -Ayisetyenziswanga imigaqo eyimfuneko yefomathi.

 

 

 

 

 

 

ULWIMI, ISIMBO SOKUBHALA NOKUHLELA

Ithoni, irejista, isimbo sokubhala, injongo/imeko, abantu ekujoliswe kubo nesimo sentlalo.

Ukusetyenziswa kolwimi nemigaqo yalo. Uchongo magama. Iimpawu zokubhala nopelo.

 

10 AMANQAKU

(9-10)

-Ithoni, irejista, isimbo sokubhala, isigama zifaneleke ngokukodwa kwinjongo, abantu ekujoliswe kubo nakwisimo sentlalo. -Ulwimi lusetyenziswe ngokuchanekileyo kwaye lwakhiwe ngokukuko. -Phantse kungabikho ziphene konke konke.

 

 

 

(7-8)

-Ithoni, irejista, isimbo sokubhala, isigama zifaneleke kakhulu kwinjongo, abantu ekujoliswe kubo kunye nakwisimo sentlalo. -Ubukhulu becala ulwimi lusetyenziswe ngokukuko nangokuchanekileyo. -Isigama sichaneke kakuhle. -Ubukhulu becala akukho ziphene

 

 

 

 

 

 

(5-6)

-Ithoni, irejista, isimbo sokubhala, isigama zifanelekile kwinjongo, abantu ekujoliswe kubo kunye nesimo sentlalo. -Kukho iziphene ezimbalwa zolwimi -Isigama esaneleyo. -Iziphene aziyichaphazeli intsingiselo.

 

 

 

 

 

(3-4)

-Ithoni, irejista, isimbo sokubhala, isigama asifanelekanga ngokupheleleyo kwinjongo, abantu ekujoliswe kubo kunye nesimo sentlalo. -Ukusetyenziswa kolwimi ngokungachanekanga kubangela iziphene ezibaxekileyo. -Intsingiselo ilahlekile

 

 

 

 

(0-2)

-Ithoni, irejista, isimbo sokubhala, isigama asihambelani nenjongo, abantu ekujoliswe kubo nesimo sentlalo. -Izele ziziphene yaye iyabhidisa. -Intsingiselo ichaphazeleke ngokukodwa.

 

 

 

 

 

 

Conclusion

Umfundi uyakuba nako;

Ukubhala idilesi kunye nomhla kwicala lasekunene.

Ukwazi ukuba ayibhalwa idilesi yomhlobo kwileta yobuhlobo.

Ukubhala isibuliso.

Ukubhala intshayelelo, nokwahlula isiqu ngokwemihlathi.

Ukubhala isiphelo.

 

Izixhobo ezisetyenzisiweyo:

Matyumza, M., 2013. Via Afrika isiXhosa ulwimi lweenkobe. Cape Town: Via Afrika.

https://www.education.gov.za/LinkClick.aspx?fileticket=6E9TwWY7bfA%3D&tabid=1856&portalid=0&mid=7322

https://youtu.be/DW4kFCTDeOY

 

Credits

IMEMO YOMSEBENZI: UKUBHALA UMHLATHI

ILETA YOBUHLOBO

Umfundi kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma:

- Mayikhokhelwe sisicwangciso-zimvo

- Mayibandakanye idilesi enye.

- Umhla ebhalwe ngawo ngasezantsi kwayo.

- Mayibandakanye isibuliso esichanekileyo.

- Makashiye umgca emva kwesibuliso.

- Uvumelekile ukuboleka igama esiNgesini xa ubhala idilesi, iinyanga okanye usebenzise iinyanga zentsusa.

- Akukho ziphumlisi kwidilesi nesibuliso nakwisiphelo.

- Ileta mayiqulathe intshayelelo enika umdla, isiqu nesiphelo.

- Makahlule imihlathi yesiqu ngokweengcamango ezahlukileyo.

- Makanamathele kwiimfuno ezahlukeneyo zeleta njengesimbo sokubhala nesakhiwo.

- Makakhumbule abantu ababhalelayo ukuncedisana nokuba oko abhale ngako kuqondwe msinya.

- Indlela abhala ngayo mayivakale, iyondelelane, icaciswe, ibe semxholweni.

- Makasebenzise ulwimi olusulungekileyo.

- Makabhale ngolwimi oluvakalayo, olwamkelekileyo nolutsala umdla nethoni efanelekileyo

 

Ileta yobuhlobo eyamkelekileyo.                                                                                                               

                                                                                                                P.O BOX 1889

                                                                                                                Alice

                                                                                                                5685

                                                                                                               12/Meyi/2018

Mama endimthandayo

Kuluvuyo kum ukuba ndifumane eli thuba lokukubhalela le leta, kuba sixakeke ngeyona ndlela kule kota, silungiselela iimviwo zesiqingatha sonyaka.

Solanga omhle, ndicela nindivumele notata ngezi holide zobusika ndihambe nomhlobo wam uNana ndiye kutyela iholide kokwabo eGcuwa. Uthi kuza kube kukho iqela elivela kuCentane eliza kudlala eqongeni incwadi esiyifundayo ethi iNkawu idliw’ilila. Kubalinganiswa abaza kube bengabadlali kwiqonga, kuza kube kukho nombhali wale ncwadi uMnu. S. Kula, nto leyo eya kundinika ithuba lokuba ndizibuzele imibuzo kwiindawo endingaziqondiyo. Loo nto iza kwenza ukuba ndiyiqonde ngakumbi le ncwadi kuba ndiza kubabona ngamehlo ndibeve ngeendlebe abalinganiswa.

Ndiyanithembisa ukuba ndakuziphatha kakuhle, andisayi kuniphoxa.

Ndibulisele kutata nakubantakwethu. Ndikuthembile ke Bhelekazi, mama wam, ukuba akunakundiphoxa.

Sala kakuhle mama wam

Intombi yakho

Yandisa

 

Ulwabiwo lwamanqaku

                         IMIQATHANGO             AMANQAKU              ISIKHOKELO SOLWABIWO LWAMANQAKU   

A. UMXHOLO, UCWANGCISO NEFOMATHI

B. ULWIMI, ISIMBO SOKUBHALA NOKUHLELA       

                15

                10

     A           B           EWONKE     
     0-15           0-10       
     15      10      25

 

                     Amanqaku ewonke                 25  

 

Teacher Page

Esi sifundo sinika ingcaciso emfutshane ngeendlela zokubhala kwaye sinika amanqaku nemizekelo ngeendidi zezincoko nemihlathi. Ukufundiswa kwezi tekisi kuza kuphucula isakhono sokubhala nokunikezela kubafundi.

Ukufundisa ukubhala kuquka ukusebenza ngokwenkqubo yokubhala. Nangona kunjalo akunyanzelekanga ukuba asetyenziswe onke amanyathelo ale nkqubo ngamaxesha onke, umz. xa ubhala, ubhala uhlobo lwetekisi oluqhelekileyo, kuza kufuneka uhlalutye isakhiwo salo kunye neempawu zolwimi ngokunabileyo. Kungakho amaxesha apho kuza kufuneka ukuba ugxininise kwisakhiwo sesivakalisi okanye ekubhalweni komhlathi okanye ubhale iitekisi ezingenadrafti xa ulungiselela uviwo.

 

AMANQANABA ALANDELWAYO KWINKQUBO YOKUBHALA

1. Ukucwangcisa/ phambi kokubhala.

2. Ukuyila / Ukwenza idrafti

3. Ukuhlaziya

4. Ukuhlela

5. Ukulungisa iziphene

6 Ukunikezela

 

Xa ebhala umfundi makenze oku kulandelayo:

1. Ukucwangcisa /phambi kokubhala

• Ukugqala injongo oyibhalelayo nabantu obabhalelayo.

• Ukuqaphela imo, indlela yokubhalwa koko kubhaliweyo noluvo loko abhala ngako.

• Xoxa ngezimvo usebenzisa umzekelo, isazobe sokucinga neeflowu-tshati.

• Phanda ngoko uza kubhala ngako usebenzisa imithombo yolwazi

 

2. Ukuyila/ ukwenza idrafti

• Sebenzisa izimvo ezingundoqo nezixhasayo ngokukuko xa ucwangcisa.

• Yenza idrafti yokuqala uthathela ingqalelo injongo, abafundi bayo isihloko nohlobo loncwadi.

• Funda idrafti ngokuvakalayo ukuze ufumane uluvo lwabanye abantu abakuphulaphuleyo.

• Chonga isigama esisiso nesichanekileyo ngokusebenzisa izichazi ezifanelekileyo, amagama namabinzana avisayo ukucacisa oko kubhaliweyo.

• Ukumisela ilizwi nesimbo esithile ngokusebenzisa ulwimi nethoni ehambelana ncakasana nabafundi obabhalelayo nenjongo yokubhala.

• Vakalisa uluvo lwakho gqibi, izithethe, iinkolelo namava akho.

• Bhala iinkcukacha ezichanekileyo zetekisi leyo (sebenzisa ucaphulo ukuxhasa izimvo zakho)

 

3 Ukuhlaziya, ukuhlela, ukulungisa iziphene nokunikezela ngokubhaliweyo

• Sebenzisa imilinganiselo emiselweyo ukuphendla umsebenzi wakho nowabanye usenzela ukuwuphucula.

• Phucula uchongo lwesigama, isakhiwo sezivakalisi nemihlathi.

• Nciphisa ubumbaxa, ukusebenzisa uphindaphindo, ulwimi olungasulungekanga nolungamkelekanga.

• Phonononga umxholo isimbo sokubhala nerejista.

• Sebenzisa iimpawu zokubhala uze upele ngokuchanekileyo.

• Bhala idrafti yokugqibela uze ungenise itekisi oyibhalileyo.