Introduction
Wamnkelekile kwisifundo sanamhlanje
Namhlanje sizakufunda ngezichazi
Landela le link ingezantsi ubukele isifindo sezichazi.
Task
Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uqwalasele Izichazi ezifumaneka kuso.
Ngakwilokishana yase-Amalinda kwakukho amatyotyombe amaninzi kwindwawana esehlathini elikhulu. Kufutshane nalamatyotyombe kwakukho indawo emdaka, kwaye isoloko ibhuzwa ziimpukane. Le ndawo yayingcoliswa kwangabahlali balapho kuba bethanda ukulahla izinto ezimdaka apho. Nalowo okhutheleyo ebephela elahla kuba etyhafiswa kukubona uninzi lungahoyanga. Ingxaki yabo bebenganayo imigqomo okanye iiplastiki zokugalela inkukuma. Konke oku kwabangela impilo enkenenkene kubahlali balapho. Kaloku umoya ababewuphefumla wawungacocekanga. Loo nto yabangela ukuba uninzi lwabo bangenwe zizifo ngezifo ezazibangwa bobo bumdaka.
Abahlali abakrelekrele bayithathela unyawo le nyewe. Kwabizwa intlanganiso eshushu yabahlali bonke eholweni, apho babeza kufundiswa ngobungozi bokulahla inkukuma esithubeni. Abahlali bavuka ekuseni, baphuma nabantwana babo ukuya kulo ntlanganiso besiya kuzivela okuza kuthethwa. Emva koko kwabakho isigqibo sokuba kundwendwelwe umasipala wengingqi kucelwe imigqomo emikhulu yokugalela inkukuma kwakunye neeplastiki zenkukuma ukuze umzi ngamnye ufumane. Bahamba kakuhle yaba yimpumelelo loo ntlanganiso kuba umasipala wabamnkela ngobubele waza waziphumeza zonke izicelo zabo.
[Ithatyathwe kwincwadi yesiXhosa ethi: IsiXhosa Ngumdiliya]
Process
Umbuzo 1
Khuphela le theyibhile ingezantsi uze ufake isichazi ngasinye osifumanayo phantsi kodidi lwaso.
| Iziphawuli | Izibaluli | Izimnini | Izichazi zoquko |
20 Amanqaku
Umbuzo 2
Kwezi zichazi uzifumeneyo yakhaezakho izivakalisi ngesichazi ngasinye osifumeneyo.
20 Amanqaku
Evaluation
Indlela yokucazulula Amanqaku
| Umbuzo 1 | 20 Amanqaku |
| Umbuzo 2 | 20 Amanqaku |
| Amanqaku ewonke | 40 |
Umbuzo 1 kulindeleke ukuba umfundi afumane Izichazi ezingamashumi amabini-20 ukuze afumane Amanqaku apheleleyo.
Umbuzo 2 kulindeleke ukuba umfundi abhale izivakalisi ezingamashumi amabini-20 esebenzisa Izichazi ezikwi theyibhile yakhe. Xa enze njalo uyakuthi afumane Amanqaku apheleleyo.
Conclusion
Bhala amagama alikhulu-100 ukutya kwikhulu linamashumi amabini-120, uchaze ufunde ntoni kwisifundo sanamhlanje.
Credits
Sebenzisa incwadi yomfundi "Ukhanyo" kwiphepha lamashumi amthandathu anesithandathu-66 ufunde banzi ngezichazi.
Teacher Page
Xa unemibuzo onayo malunga nesi sifundo nxibelelana nam kwezi nokholo:
Cell:084 7454 350
Email: sinazolugunya90@gmail.com