Introduction
Phambi kokuba siqhubekeke nokubhala umsebenzi wethu waseklasini, qala ubukele olucishilelo lwevidiyo olucacisa isakhiwo se obhitshuwari.
Task
Imiyalelo
Emva kokuba abafundi bebukele ucishilelo lwevidiyo kulindeleke ukuba babhale iObhitshuwari engama 300-350, ngomhlobo okanye ilungu losapho lwakho owalandulela eli. Abafundi balindeleke ukuba babhale ngokwesakhiwo esikhankanywe kwi vidiyo.
- Kulindeleke ukuba wonke umntu awubhale umsebenzi
- Phendula ngokucacileyo
- Ubhale ngokucocekileyo
- Ungadluleli kwinani lamagama
Process
Isakhiwo seobhitshuwari
Iobhitshuwari inayo indlela yokubhalwa, inentshayelelo, isiqu kunye nesiphelo
Intshayelelo
Kuvezwa ukuba ngubani lo ungasekhoyo, kunikwe nomnombo wakhe
Isiqu
Kungenwa nzulu kubomi bakhe, kuchazwa iizinto ezigqamileyo azenzileyo ebomini de kube lelixesha lokusishiya kwakhe
Isiphelo
Kubhalwa umyalezo wokukhpha, Umz Lala ngoxolo Tshayingwe. Sohlala sikukhumbula
Evaluation
Ndizakusebenzisa irubriki ukukorekisha umsebenzi. Ndizakusebenzisa irubriki ekwi phepha 6-7 , irubriki yomhlathi omfitshane
Conclusion
Njengokuba abafundi befundile namhlanje nge sakhiwo sokubhala iObhitshuwari ndifuna umfundi ngamnye akwazi ukubhala amagqabantshintshi ngobomi bomnntu ongasekhoyo kwaye bakwaze ukuyifunda ngesithozela mhla kwaze kwabakho umngcwabo.
Ndifuna abafundi bayazi ukuba icwangciswa njani kwaye neezinto ezibalulekileyo xa kubhalwa iobhitshuwari ezi zingezantsi:
- Kubhalwa magama akhe apheleleyo nefani
- Umhla, indawo kunye nomnonombo wakhe
- Imfundo kunye namaziko afunde kuwo
- Impangelo
- Igalelo lakhe ekuhlaleni nezinto ebenomdla kuzo
- Unobangela wokufa nomhla asishiye ngawo
- Umyalezo okhaphayo
Lo msebenzi uzakunceda abantu naxa bephangela bebadala umntu akwazi ukubhala iobhitshuwari yomhlobo okanye yolugu losapho lwakhe.
Credits
Mahle Mhlabeni (2022) Isakhiwo seObhitshuwari. Iyafumaneka ku YouTube: https://youtu.be/sKIlnF197xk
Teacher Page
Ingaluncedo ukuqaqambisa ulwazi kwezemfundo ngoluhlobo:
1.Ukuphuhlisa ikharityhulam
2. Ukufundisa abantwana ukubhala iObitshuwari