Introduction
Task
IBANGA : 9
ISIFUNDO: ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA
UMHLA : 28 Agasti 2021
ILETA YOBURHULUMENTE- UMSEBENZI WASEKLASINI
Bhala ileta esesikweni ubulela kwiziko leZamasiko neNkcubeko ngesixa semali abathe bakuwonga ngaso. Sixa eso esikubhatalele izifundo zakho zonke zeDyunivesithi kwicandelo lwezamasiko nenkcubeko.
(Amanqaku ewonke 25)
Process
ILETA YASEBURHULUMENTENI/FORMAL LETTER
Okulindeleke umfundi okwazi
- Makabhale idelise ezimbini eyokuqala yeyombhali weletaikwingaloyangasekunene kumantla ephepha, eyesibini yeyalowo ubhalelwayoikwingalo yasekhohlo entla kwesibuliso.
- Makuvele igama okanye isikhundla salo ubhalelwayo entla kwedilesi yesibini.
- Emva kwedilisi makatsibe umgca alandelise ngomcimbi ngokufutshane engawo ileta leyo.
- Emva kwesibuliso maktsibe umgca alandelise ngomcimbi ngokufutshane engawo ileta leyo.
- Makabhale isiqu esinentshayelelo, umzimba kunye nomqukumbelo.
- Makanamathele kwisimbo nesakhiwo.
- Makabhale ngolwimi oluvakalayo nolusulungekileyo.
- Makabhale ngendlela evakalayo, eyondeleleneyo, ecacileyo nesemxholweni.
- Phakathi kwemihlathi wokuqukumbele nesiphilo makatsibe umgca.
- Makabhale isiphele esichanekileyo silandelwe yifani noonobumb-amagama bomviwo.
Evaluation
UMZEKELO WEMPENDULO EZICHANEKILEYO (IMEMO YOMSEBENZI)
9 Mpinda Street
Zwelethemba Location
Worcester
6852
1 EyeKhala 2017
UManejala
Icandelo lweZamasiko neNkcubeko
Private Bag X9114
Cape Town
8000
Umbulelo ngenxaso mali yokufunda
Ndibamba ngazo zozibini kuwe Manejala neqela lakho lecandelo lezamaSiko neNkcubeko ngokundiwonga ngesixa semali yokufunda kwiziko lemfundo ephakamileyo yeNtshona Koloni. Ndineqhayiya nebhongo ngecandelo lakho Manejala. Nam ndiye ndaba ngabanye babafundi abathweswe ngesidanga sokuyityetyeza imfundo kwakweli candela lezamaSiko neNkcubeko. Ndenza umbulelo omkhulu kuni kuba ukuba beningazange nindiwonge ngendingakwazanga ukuqhubekeka ngemfundo. Ndithi manz’ anethole kuni nonke niliziko lwezamaSiko neNkcubeko ubukho benu buye bayimpumelelo ebomi nakwimfundo yam.
Ndithi khanyani nibalasele ngomsebenzi eniwenzayo, huntshu hutshu kuni nonke niliqela lwelicandelo. Umsebenzi eniwenzayo mhle kwaye uyancomeka. Ningadinwa nenze njalo nakwabanye.
Ozithobileyo
S.Moroka (Mnu)
Qaphela: Yamkela nayiphi na ileta evakala yomfundi
Conclusion
Ndiyabulela bafundi ukuba awukagqibi mgqibezele ekhaya nibuze abazali, osisi nobuti benu banincedise ukuba yenziwa njani.
Ngomso sizoyijonga sisonke sikorekishe.
ileta yaseburhumenteni ayitshintshi ihlala iyilena kokoke ningayilibali.
nibenosuku oluhle niphephe.