Introduction
Molweni bafundi
Isihloko sethu sanamhlanje sizaku sifumana kwi ZENZI. jonga ngobubele ividiyo endiyincamathele ngezantsi (cofa ikhonkco elingezantsi).
https://share.icloud.com/photos/0f1HjzYRtaqlZzzDwcZcR8nSw
Task
UMSEBENZI WASE KLASINI
1. Yintoni isenzi (2)
2. Xela iindidi zezenzi (6)
3. Chonga isenzi kwisivakalisi ngasinye uze uxele ukuba sikweliphi na ixesha eso senzi.
3.1 Utata uqhube inqwelo. (2)
3.2 Umama uhlamba impahla. (2)
3.3 UTitshala ubhala umsebenzi ebhodini. (2)
3.4 Usisi utyisa usana. (2)
3.5 UMakhulu upheke isidudu. (2)
3.6 UKabelo uchola ivili. (2)
AMANQAKU EWONKE: 20
Process
IMIYALELO
-Phendula yonke imibuzo.
-Bhala kwiincwadi zakho zomsebenzi waseklasini.
-Funda amanqaku kwaye ubukele iividiyo ezingezantsi ngaphambi kokubhala umsebenzi wakho.
https://www.yumpu.com/xx/document/read/65645180/isixhosa-sam-nam-nawe-indd2-15-dec-2020
Evaluation
Ndizakuthi ndisebenzise lerubrikhi ulandelayo ukumakisha.
IRUBRIKHI YAMAXESHA WEZENZI
| OKULINDELEKILEYO | AMANQAKU EWONKE |
| 1. Yintoni isenzi. | 2 |
| 2. Nika amaxesha ezenzi. | 6 |
|
3. -Chonga izenzi -Xela ukuba isenzi ngasinye sikweliphi na ixesha. |
6
6 |
| AMANQAKU EWONKE | 20 |
Conclusion
Kuphelele apho namhlanje, isifundo sethu siza kuphelela apha. Ungalibali ukubhala umsebenzi wakho, sebenzisa iincwadi zakho zeklasi ukuwubhala uze uwungenise eklasini ngoMvulo.
Umsebenzi ungena ngomhla we 12 Septemba 2022 (23:59).
Ukuba unombuzo okanye unento ongayiqondiyo ungandi imeyilela okanye uqhagamshelane nam ku WhatsApp.
Yiba nosuku olumnandi.
Enkosi!!
Credits
Ngolwazi oluthe vetshe okanye ukucaca jonga kwaye umamele le vidiyo ilandelayo.
https://www.yumpu.com/xx/document/read/65645180/isixhosa-sam-nam-nawe-indd2-15-dec-2020
Teacher Page
Ungaqhakamshelana nam kwezincukacha zilandelayo:
Miss Maswana
email: 220032920@mycput.ac.za
WhatsApp: 0782597438