Introduction
You are going to read this comprehension and answer the following questions. But firstly watch these videos to develop a full understanding of what you are required to do.
IMPEMBELELO
Impembelelo ifana nekrele elintlangothi mbini, elithi lisike ngolu uhlangothi ngeli xesha, libuye lisike ngolunye ngelinye ixesha. Impembelelo isika kabuhlungu ngokubulalayo ngelinye ixesha njengesigebenga, ize ngelinye ixesha isike ngokuphilisayo njengegqirha elisusa isidlanga. Impembelelo ayinakwenzeka kungekho mntu wesibini njengokuba imfazwe ingenakubakho kungekho lutshaba. Masikhe siqwalasele impembelelo esebenza phakathi kwamaqabane amabini, nokuba ngabafana nokuba ngamantombazana. La maqabane adla ngokubonwa ekunye esenza izinto ngokufanayo, ade maxa wambi ngokuvana kwawo afaniselane nangesinxibo. Kukho nto inye phofu angenakufaniselana ngayo ingqondo, kuba kaloku abantu badalwa beneengqondo ngeengqondo. Isebenza ngamandla impembelelo kulo mahluko. Lisuka elinye iqabane libonise into ekufanele yenziwe, into ethi isakuphengululwa ihluzwa kuzikiswa ingqondo ifumaniseke intle, ilungile, kube kuhle xa athe avana avumelana ukuba mayenziwe loo nto intle ilungileyo. Iqabane lisuka licebise maxa wambi ukuba makwenziwe into engalunganga, libonise ilungelo elinokuzuzwa kuloo nto imbi, kuba kubi xa athe amaqabane lawo avana avumelana ukuba makenze loo nto imbi. Yimpembelelo le eluhlangothi lusika ngokubulalayo kuba la amaqabane ayeyeliselana. La maqabane amelwe kukukhuthazana ekwenzeni okulungileyo, anqandane ekwenzeni okukhohlakeleyo, kuba nangani engafani ngengqondo, ayafana ngokwahlula okulungileyo kokungalunganga. Into elungileyo, ilungile, engalunganga ayilunganga. Inye kuphela yaye ilula indlela yokuvavanya ukuba kukho umntu ofumana kunzima ukucalula ukulunga okanye ukungalungi kwento, kukubuza umbuzo. Ndingeva njani na mna xa into enje inokwenziwa kum okanye kumntu wakuthi? Lo mbuzo ulandela laa mthetho mdala wamanyange othi, 'Yenza kwabanye abantu njengoko unga bangenza ngako kuwe'. Kungcono ukuba mayiqhawuke imvisiswano, buphele ubuqabane, ibe lelo lihambe indlela yalo ebomini ukuba kula maqabane mabini kukho oluphikisayo olu vavanyo, okanye ofuna kwenziwe into engalunganga.
Amandla empembelelo siwabona nasezikolweni apho athi umfundi otshatsheleyo ngengqondo ukuphaphama, oliyolisa ezimbuthweni, oyimbalasane emidlalweni, othandwayo nohlonelwayo aphulaphulwe ngumndilili wabafundi, abe nempembelelo kuninzi lwabafundi. Umfundi oneempawu ezinje ukuba ntle kwazo unakho ukuwuphakamisa umgangatho wesikolo ngokuthi aphembelele abanye abafundi ukuba bakhuthale ezifundweni zabo, bagcine imithetho yesikolo, bathobele abasemagunyeni. Impembelelo yomfundi onezi mpawu zintle ibonakala inoncedo ngamaxesha ezidubedube. Yena mntu uphulaphulwayo unakho ukuthetha neziphathamandla ukuba zilungise ezo ndawo zikhalazelwa ngabafundi ngokuyimfanelo. Uye athi ngelisu athetha – thethane nabafundi abathile ukuze bathi bebonke babonise umndilili wabafundi ukufa amanqe kwale nto bayikhalazelayo, bababonise kananjalo ukuba ukuxulutywa kwabaphathi ngamatye, nokuqhekezwa kweefestile, nokutshiswa kwezindlu, bekungasayi kusilungisa isikhalazo sabo nokuba besiphatheka, endaweni yoko isenzo esinje sobundlobongela singaba nebuyambo elibi, abanye abafundi baphoswe yimfundo, lonakale ikamva labo. Umfundi othi enala mandla, ibe impembelelo yakhe imbi unakho ukusitsalela ezantsi isikolo ngokuthi asebenzise iimpembelelo ezinxamnye nezo ziphakamisa umgangatho. Ebantwini ngokubanzi, ngakumbi ezidolophini ezinkulu, umntu oliciko lokuthetha enobukhali, ophulaphulwayo, unakho ukubanceda abantu abaninzi ngokuthi ngempembelelo yakhe abacebise ngeendlela-ndlela zokulungisa intlalo nemisebenzi yabo, abafundise iindlela ngeendlela zoqoqosho, inzondelelo nokugudisa emisebenzini yabo, iindlela abanokuthi ngokusemthethweni babhekise izikhalazo zabo kwabo bongamileyo. Umntu onempembelelo enje ukufaneleka angasiphakamisa isizwe, adale intlalo – mnandi phakathi kwabantu. Inakho enye inkokeli ukuthi inabo nje ubuciko bokuthetha nengqondo ebukhali, ibalukuhle abantu, ithi ithetha ngoqoqosho nje kanti isekeleze ukutyebisa, kanti ithetha ngentlalo-ntle nje isekeleze olwayo udumo, ithi ngobuciko bayo ibakhuthaze abantu bafune amalungelo abo ngokungekho mthethweni, ibafunze eweni, yehle intlekele, kufe abantu, bambi baphoswe ezintolongweni baphelelwe yimisebenzi kulambe iintsapho, ibe yona le nkokeli ihleli kwezitofotofo, isitya ibhotolo. Utsho ngakhona okaMqhayi kwilivo lakhe 'INKOKELI' kulaa ncwadi kaBennie 'IMIBENGO', ukuthi, 'inkokeli mayibuve ubunzima obuviwa ngaba bantu ebakhokelayo'. Impembelelo isebenza kakhulu ekhaya kuba abantu bekhaya basoloko bekunye ngaphandle kwamaxa bahlulwe yimigama ngenxa yomsebenzi. Isebenza phakathi kwabazali bobabini, phakathi kwabazali nabantwana naphakathi kwabantwana bodwa. Kubalulekile ukuba abazali bahambe ngokufanelekileyo kuba ingqeqesho yenziwa ngokuthetha nangomzekelo ngenxa yobukhulu bempembelelo yabazali kubantwana babo
Task
Phendula le mibuzo ilandelayo. ( Answer the following question)
1. Xela izinto zibe MBINI ezikwisicatshulwa ezifaniswa nempembelelo. (2 )
2. Yenzeka kubani impembelelo ngokwesicatshulwa? (1)
3. Iqabane kwisicatshulwa lithetha ntoni? Khetha impendulo efanelekileyo kwezi zingezantsi:
A .Umngcatshi.
B. Umhlobo.
C. Umpolitiki.
D.Usiyaluka. (1)
4. Caphula into ibe NYE la maqabane mabini akhankanywe kwisicatshulwa anokwahluka ngayo. (1)
5. Bhala isithethantonye segama 'isakuphengululwa' elikwisicatshulwa. (1)
6.Yintoni anokuyenza la amaqabane xa ezibona enokwayeliselana? (2)
7. Bhala ngamazwi akho intetho ethi, 'Yenza kwabanye abantu njengoko unga bangenza ngako kuwe.' (2)
8.Yintoni ongayenza ukuthintela impembelelo engalunganga ingakuchaphazeli? Cacisa. (2)
9. Thelekisa iindlela EZIMBINI anokuthi umfundi oyimbalasane abe nefuthe ngazo kwabanye ngokwesicatshulwa. (2)
10. Bungasisixhobo sotshintsho esilungileyo njani ubuciko obulungileyo ekuhlaleni? (2)
11.Uthetha ukuthini umbhali xa esithi inkokeli mayibuve ubunzima obuviwa ngabantu ebakhokelayo? (2)
12. Angawubonakalisa njani umzali umzekelo wempembelelo entle? (1)
13. Ufunde ntoni kwesi sicatshulwa?
Process
In this task you are excepted to read the comprehension and answer the questions given by the teacher.
RESOURCES
Siwundla, K. 1997.Ifusi.Pietermaritzbug.Shuter & Shooter Publishers.
Evaluation
I am going to evaluate you by looking for wrong spelling, grammar error. I am going to look whether the students followed the rules given by the teacher. I will check whether they use constructive sentences and start with capital letters every time they start a sentence.
Conclusion
Write down a summary of what you have learnt from the comprehension.
Teacher Page
Yolanda Mahanjana
219023700
061 660 1056