Introduction
Topic: UMBONGO, ITHEMBA
- Ndiqala sele ndizithutha kakade into etsho kwayingcwakaha kuphulaphulwe.
- Ndibacela ukuba bazithuthe
- Ndibakhumbuze abafundi ngemibongo esithe sawenza ITHEMBA
- Ndichaze ukuba yintoni isihobe. Kukumpompoza kwezimvo zembongi, ikhuphela ngaphandle iimvakalelo neembono zayo malunga nomba othile osentlalweni okanye osendalweni. Ibonga ngomlomo wayo okanye ibhale izibongo zayo ephepheni, oko kutsho sibe neendidi ezimbini zesihobe – ezosiba (imibongo) nezomthonyama (izibongo).
- Namhlanje sizokhuba izafobe kulombongo.
- Bukelani elikhonkco ndilifake apha ukuze niyazi ukuba kwenziwa ntoni namhlanje
https://youtu.be/kOdCqTU2PxE
Task
NgoNcedo lwezi vidiyo zingentla, Ekupheleni kwesi sifundo, abafundi baya kuba nako uku:
- Ukukwazi ukufunda umbongo, ufundela ukonwaba.
- Ukuhlalutya umbongo Ukubhala isincoko sombongo
- Ukuphendula imibuzo emifutshane yombongo
Kuyafuneka ukuba ubukele iividiyo ezingentla ukuze uqonde kwaye ugcwalise le mibuzo ingezantsi enxulumene nesihloko sethu.
UMSEBENZI 1 (UMBONGO) ITHEMBA: S. E. K. MQHAYI
Phicotha Izafobe ezifumaneka kulombongo uze ukhuphe nemo yembongi, isakhiwo sangaphakathi nesangaphandle kunye nezafobe kulo mbongo, ITHEMBA. Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabube ngamagama angama-340–390. [25]
|
ITHEMBA 1. Singenzani n’emhlabeni, 2. Sizuzeni n’elizweni, 3. Xa singenalo ithemba, 4. Intsusa yokusebenza? 5. Singakwenza n’ukulima, 6. Sikuyeke ukulila, 7. Singayifuya n’imfuyo, 8. Xa ithemba lingekhoyo! 9. Singaluthatha n’uhambo, 10. Singabondla n’abantwana, 11. Sibasusa kusathana? 12. Wakufelwa nangowakho 13. Ife intliziyo yakho; 14. Ulil’uzenzakalise – 15. Nomphefumlo uwufise 16. Singaya na eNkosini, 17. Ehleliyo ebomini? 18. Inye nje indlela yayo, 19. Ikukuthemb’amandl’ayo 20. Yen’omzimb’udiniweyo 21. Ontliziyo ityhafileyo 22. Omoy’udakumbileyo 23. Akanje na ngofileyo? 24. Makafundiswe ithemba, 25. Aphakanyiswe lithemba 26. Limhambisele phambili, 27. Limmngenisele ezulwini. 28. Le nt’ithemba iyinzulu, 29. Kwezomhlaba kwezezulu; |
QAPHELA: LO MSEBENZI WASEKLASINI UKULUNGISELELA UVAVANYO LWEKLASI KWIVEKI EZAYO. NIZIPHATHE KAKUHLE !!
Process
INYATHELO LOKUQALA (1)
Yiya kwintshayelelo uze ufunde intshayelelo uze ufikelele kwividiyo eyintshayelelo.
INYATHELO LWESIBINI (2)
Yiya kwindawo yoMsebenzi kwaye ubukele iividiyo ezincanyathiselwe ukuqonda ngcono malunga nesi sihloko.
Kwakhona bhekisa kwiNgqondo yakho iGap study guide. emva kokwenza oko, uyacelwa ukuba ugqibezele umsebenzi weklasi owunikiweyo.
INYATHELO LWESITHATHI (3)
Yiya kwicandelo lovavanyo/ukufumana iziLungiso zomsebenzi weklasi we-06/09/2022
Evaluation
Impendulo ezilindeleke kubafundi
1. Uhlobo/udidi lombongo:
- Lo ngumbongo nkcazo kuba imbongi ichaza ithemba.
Inkcazelo ngethemba
- Ithemba yimvakalelo umntu abanayo kuquka nesimo sengqondo sengcinga yengqiniseko yokuba izinto ziza kuhamba kakuhle/ ziza kuphumelela/ ziza kulunga noxa imeko ngelo xesha ingakubonakalisi oko / kungekenzeki njalo
Umxholo walo mbongo
- Lo mbongo ungendima edlalwa lithemba empilweni yoluntu kuba xa unalo uyaphumelela ebomini kanti xa ungenalo akuphumeleli/ lo mbongo ungokubaluleka kokuba nethemba kwimpumelelo yomntu ngamnye.
Intsingiselo engundoqo/yentsusa:
- Kukuhlala unethemba lokuphumelela kuyo yonke into oyenzayo
Imfundiso
- Ithemba liyaphilisa.
- Nangona kukho iimeko zobomi ezilitshabalalisayo ithemba, kodwa kubalulekile ukuba sihlale ethembeni ukuze sibenamandla sihlale sivuselelekile.
Umoya
- Ngowokukhathazeka kuba imbongi isityhilela iimeko ezimbi nezibuhlungu esizibona sikuzo ngenxa yokungabinathemba kwethu. Ibangela ukuba sizibhence sibone ukuba sizibulala ngokulahla ithemba/ Ngowokukhuthazeka ngenxa yokutyhilelwa ukuba xa sinethemba akukho nto sinokungayiphumezi. 31. “Ife intliziyo yakho; “Ulil’uzenzakalise”/ “Aphakanyiswe lithemba”; “Siph’ ithemba ze siphile”
Imifanekiso ngqondweni
Umfanekiso ngqondweni ochumileyo kulo mbongo ngoweliso/wokubona. Imizekelo:
- “Ulil’uzenzakalise”
- “Akanje na ngofileyo?”
Isakhiwo sangaphakathi
• Sifumaneka ngokutolikwa kwesihloko, umqolo, nombongo uwonke.
• Mawufundwe wonke umbongo kabini nakathathu umqolo ngomqolo ngesitanza, de uqonde intsingiselo yomqolo neyesitanza sisonke, ziyokukukhuphela ekuqondeni umongo nomxholo.
• Xa ukhonjwe kw, bonakalisa ukuba uyayiqonda intsingiselo yesitanza sonke, hayi eyomqolo omnye kw.
• Xa kuthethwa ngesakhiwo sangaphakathi kuqukwa: isigama, izafobe, isimbo, iimpawu zobhalo, izixhobo zesandi, nazo zonke izikrweqe zohlalutyo egalelo ngazo imbongi ukudidiyela umbongo wayo.
Isakhiwo sangaphandle
- Lo mbongo unezitanza ezisixhenxe.
- Izitanza 1,2,4,6 nesesi-7 zinemiqolo emi-4.
- Isitanza -3 sinemiqolo emi-3.
- Isitanza -5 sinemiqolo esi-8.
- Isitanza sokuqala, imiqolo yokuqala emithathu inamagama ama-3 kanti owesine unamagama ama-2.
- Isitanza sesibini, umqolo1, 3, nowesi-4 amagama ma-3 kanti kumqolo we-2 amagama ma-2.
- Isitanza sesithathu, kumqolo 1 no2 amagama ma-3 kanti kumqolo wesi-3 amagama ma2.
- Isitanza sesine, umqolo 1,3 no 4 amagama ma-2 kanti kumqolo-2 amagama ma-3.
- Isitanza sesihlanu, umqolo1,4,5,8 amagama ma-3 kanti kumqolo-2,6,7 amagama ma-2 ze kumqolo 3 abe-4.
- Isitanza sesithandathu, imiqolo yomi-4 inamagama ama-2.
- Isitanza sesixhenxe, umqolo 1 nowesi- 4 amagama ma-4 kanti umqolo 2 no3 amagama ma-2
AMANQAKU [25]
PHAWULA!! Nantoni na engaphantsi kwe-50% iya kuthathwa njengengaphumeleliyo.
Conclusion
Bafundi nanku umbongo jongani izikrweqe ezisetyenziswe yimbongi kulombongo. Wenzeni ngababini lomsebenzi bafundi.
KHANGELA OKU KULANDELAYO.
1. INGABA ESI SIFUNDO SILUNCEDO?
2. INGABA EZI VIDIYO ZIBE luncedo?
3. NGABA KULULA UKWENZA IWEBHUBHU?
4.INGABA I-WEBHUEST IJONGA IYAMEMA YAYE IBHENA?
5. INGABA ULWAZI LUCHANILE?
Sizothisigxile kumbongo wethu othi (Ithemba) xa sesigqibile sizothisijongane nesimo sentlalo sencadi yethu uBuzani kuBawo.
Credits
- Izixhobo zokufunda nokufundisa: itshati, Uncwadi (Yagragrama imbongi).
- Microsoft Word - IsiXhosa mind the Gap Poetry final draft 30 Jan 2020.docx https://kfmulaudzi.files.wordpress.com/2020/06/isixhosa-poetry-imihobe-yesixhosa.pdf
Teacher Page
Name & Surname: Mr A. Mhlawuli
Contact no: 0619061373
email address: anathimhlawuli@gmail.com/ 219343349@mycput.ac.za