Isixhosa Grade10-Umbongo

Introduction

kukho indidi ezimbini zembongi eyosiba neyomthonyama

eyosiba yile iye ibhale kanti eyomthonyama yile ivele idwanduluke ithethe

umbongo luvakalelo lwembongi apho iye ithathe isiba ibhale okanye idwanduluke ithethe ngemvakalelo yayo ngalonto ithe yachukunyiswa yiyo.

Task

INKONJANE – VV Sigonya

1.Ndayibon' ibhabh' ipheph' okwengelosi.

2.Ndayibanga ngeliso ndathi yeyam.

3.Mpiko zayo zaphendlwa-phendlwa;

4.Ngumoy' ongephi zityhil'ubumbeje-mbeje.

 

5.Ndayibonga ndagqiba ngentliziyo.

6.Ndafihl' izikhwazo ndisoyik' uluntu.

7.Yandimemez' ibikudaba.

8.Yavakal' intlontl' ingqay' ubomi bam.

 

9.Wavakal'umoya wentumekelelo.

10.Zagungq'iingcango zentliziyo.

11.Lwabeth'uvalo lundityel'uba yeyam.

12.Umoya wembala nawo wandingqinela.

 

Umsebenzi

Funda lombongo ungentla uze uphendule imibuzo elandelayo.

1. Xela izinto EZIMBINI ezifaniswayo kumqolo woku-1 nophawu olufaniswa ngazo.

2. Khetha impendulo echanekileyo kwizibiyeli. Umoya ophendla-phendla iimpiko zayo uveza (ukundanda kwenkonjane/ ubuhle benkonjane/ukuhamba kwenkonjane).

3. Chaza igalelo lemini yehlobo kubuhle benkonjane.

4. Xela ukuba atyhila ntoni amagama akrwelelwe umgca ngaphantsi kulo mbongo.

5. Chaza ukuba iqaqambisa ntoni imibuzo-buciko ekwisitanza sesi-7.

Process

sebenzisa nezi zilandelayo ukuphendula umsebenzi.

https://www.cambridge.org/za/files/1215/8918/7234/Study__Master_Gr12_isiXhosa_Icandelo_lesi_2.pdf

https://www.youtube.com/watch?v=HTrWWnigJC8

 

Evaluation

5.1.1 Yinkonjane nengelosi√√ (2)

Kufaniswa ukubhabha kwenkonjane nokwengelosi.√ √  (2)

5.1.2 Ubuhle benkonjane.√√  (2)

5.1.3 Umoyana wayo ongephi utyhila-tyhila iimpiko zayo kuvele ubuhle bayo.√√ (2)

(2) 5.1.4 Atyhila ukuyibanga kwayo imbongi le nkonjane.√√  (2)

5.1.5 Iqaqambisa ezona mpawu zale nkonjane ezinomtsalane kakhulu kwimbongi.√√  (2)

Amanqaku ewonke = 12

Conclusion

Njengoko senifundile ukuba umbongo uhlalutywa kanjani, nxa siphinda sidibana umntu uzakube enombongo wakhe othandwa nguye awuhlalutye.

Credits
Teacher Page

email- cyakalako@gmail.com

or 

call- 0624957947