Introduction
Bhotani bafundi bafundi bolwimi lwesiXhosa kwibanga lesi 8,kwisifundo sethu sanamhlanje sizakube sijongene kwaye sifunda ngo dliwano ndlebe siphuhlise isakhono sokuphulaphula nokubukela,injongo yesisifundo sanamhlanje kukuba abafundi bazi udliwano ndlebe noko kulindilekileyo ekuyilweni kodliwano ndlebe.
Task
UDLIWANO NDLEBE :Udliwano ndlebe yingxoxo elungiselelweyo phakathi kwabantu ababini,kuye kubekho umbuzi kunye nombuzwa kudliwano ndlebe.
- Umbuzi ngulo ubuza impendulo aze umbuzwa ngulo ubuzwa impendulo.
- umbuzwa kulindeleke ukuba aphendule imibuzo ngoknjalo unikeza ulwazi olulindelekileyo.
- Kudliwano ndlebe akunyanzelekanga ubuzwe ngumntu omnye usekubuzwa imibuzo yiphaneli.
- igama lesithethi kudliwano ndlebe libhalwa ngasekhohlo lize lilandelwe yikholoni
- awuzifaki iimpawu zocaphulo
- usebenzisa umntu wokuqala
- kudliwano ndlebe kulindeleke ukiba imibuzo ingqale ngqo kwisihloko sengxoxo
UMSEBENZI 1
Sizakwenza umboniso wodliwano ndlebe apha kwigumbi lokufunda sizakusebenzisa u Zolani no Athini bazokubanengxoxo yababini apha eklasini ze emva koko abafundi baphendule imibuzo ezakulandela kumsebenzi wasegumbini lokufunda.
emva kokubukela udliwano ndlebe ka Azola no Athini phendula lemibuzo.
- Ngubani umbuzi,ingubani umbuzwa phakathi kwesisibini?Cacisa
- Zinto zini ozibonayo ezikho kudliwano ndlebe, xela zibentlanu.
UMSEBENZI 2
Yila kwincwadi yakho udliwano ndlebe phakathi kwakho nomhlobo wakho nixoxa ngesifo se covid 19
Amanqaku ewonke (20)
Process
Emva kokufunda ke bafundi ngodliwano ndlebe lomsebenzi niwenzayo uphuhlisa isakhono sokuphulaphula nokubukela.
ukuyila lomsebenzi landela lemiqathango ingzantsi.
- Sebenzani nibabini kulomsebenzi
- sebenzisani incwadi yebangalesi 8 ukuphuhlisa ukuqonda kwenu ngodliwano ndlebe
- Umasikhanye yebanga lesi 8
- obuzayo makabonise ulwazi oluphangaleleyo
- imibuzo inganxibelelana nengaphambili
- impendulo mazicace kwaye zinike izimvo nengongoma ezifanelekileyo
- ulwimi oluntsokothileyo lwamkelekile
Evaluation
INDLELA YOKUHLOLA UMSEBENZI
Umsebenzi 1
Amanqaku (5)
Umsebenzi 2
Ulwimi olusetyenzisiweyo (5)
Uyilo lwezivakalisi (5)
ukuphimisela (5)
Amanqaku ewonke (20)
Conclusion
Njengoko besesitshilo kebafundi basekhaya udliwano ndlebe yingxoxo elungiselelweyo phakathi kwabantu ababini ,kuye kubekho umbuzi nombuzwa kwaye ukwazi udliwano ndlebe noko kulindelekileyo kulo kuyakukunika isakhono sobom kumathuba engqesho.
Credits
- Incwadi yesiXhosa ka CAPS
- Mind the gap,S.Kula,F.Sotashe
- Oxford Maikhanyise yebanga lesi 8
Teacher Page
Name & Surname : Buhle Booi
Student Number : 216158265