Introduction
In the following video I will be reading intsomi, intsomi is a short story, typically with animals as characters, conveying a moral.
Task
Funda intsomi uze ucazuzulule isakhiwo sayo uchankcatha kula manqanaba alandelayo:
1. Imfuno (5)
2. Isivumelwano (5)
3. Ukudubada (5)
4. Iinzame (5)
5. Isiphumo (5)
6. Ukusinda
Process


Evaluation
Memo
Ixhegwazana Nonyana Walo
Imfuno:
Imfuno kwelibali siyifumana xa elixhegwazana elalihlala nenkwenkwe lilithuma ukuba liyofumana ukutya kuba bebephila phantsi kweemeko ezinzima, meko ezo zibabetha empokothweni. Lenkwenkwana iye yathunywa lelixhegwazana ukuba liyocela ukutya kumzi othe qelele kwelabo ikhaya. Lenkwenkwe iye yahamba kwarhatyela yafika yaxela ukuba ithunywe nguMakhulu ukuba izocela ukutya.
Isivumelwano:
Le nkwenkwe ihambe yafika kulomzi bithunywe kuyo kwathiwa kuyo ze ifike ithi kokwayo “tafile tafile ndidekele ukutya” le nkwenkwe iye yathatha le tafile yalungiselela ukuhamba, ihambe kwade kwamnyama le nkwenkwe iye yabona umzi onesibane yaqonda ngqo khona wacela indawo yokufihlela intloko kuba kusebusuku, iye yanikwa indawo yokulala le nkwenkwe, itafile iye yathethwa yasiwa exhegwazini waxelelwa ukuba angakhe akulinge athi kula tafile ukuba imdekele ukutya, ixhegwazana liye lavuma.
Ukudubada:
Ixhegwazana liye lavuka ngobusuku laya kulandlu ine tafile latsholo ezantsi “tafile tafile ndidekele ukutya” kwaphuma ukutya okunintsi etafileni, litye lahlutha ixhegwazana laphakela ezityeni lakugqiba lathatha itafile wayoyibeka kwenye indlu lakugqiba lathatha itafile yalo endala.
Iinzame:
Iye yavuka ngentseni inkwenkwe ibithunyiwe yathatha itafile yaqhubeka nohambo lwayo, ithe xa isezofika ekhayeni yakwaza yathi “Makhulu khuphani izihlalo sizakuhlutha namhlanje”. Yafika yathi lekwekwana “tafile tafile ndidekele ukutya” ayakudeka itafile. Ixhegwazana liye layijikisa le nkwenkwana ukuba iyokucela ukutya. Ihambe yafika inkwenkwana yanikwa igusha yaxelelwa ukuba ize ifike kokwayo ithi “gusha gusha phuma imali”. Le nkwenkana iphinde yadlula kulamzi yayifihle intloko khona waliyalela kwakhona kodwa lasophula isivumelwano lathi “gusha gusha phuma imali yaphuma ke imali layithatha imali ixhegwazana imali layifaka engxoweni.Le nkwenkwe iphinde yathabatha uhambo lwayo lafika kokwayo yathi egusheni “gusha gusha phuma imali” mali leyo ingaqalisanga kwa ukuphuma. Ixhegwazana liye lashiywa ngumsindo wayibetha lenkwenkwe waphinde wayijikisa le nkwenkwana ngelithi makahambe ayokubacelela ukutya.
Isiphumo:
Le nkwenkwe ihambe seyilila ukubuyela kulamzi ibithunywe kuyo. Ifike yanikwa isabhokhwe kwathiwa mayithi “sabhokhwe sabhokhwe ndibethe” sayibetha lenkwenkwe de kwathiwa mayithi “sabhokhwe sabhokhwe ndiyeke”. Sayiyeka isabhokhwe yaphindela apho yayifihle khona intloko yaxelela ixhegwazana ukuba zelingakhe lilinge ukuthi “sabhokhwe sabhokhwe ndibethe kwesisabhokhwe” ixhegwazana nje ngasiqhelo liye laya kwesasabhokwe lathi “sabhokhwe sabhokhwe ndibethe” sambetha isabhokhwe.
Ukusinda:
Ixhegwazana oko belileqwa ngemva sisabhokhwe, isabhokhwe simhlele umakhulu, ulile kwavuka le nkwenkwe yothuka inkwenkwe xa ibona elixhegwazana libethwa sesisabhokhwe yaye yayiqonda kengoku ukuba lelixhegwazana eli belimbela limenza anyuke esehla. Inkwnkwe iye yafuna okwayo kuzo ixhegwazana layozithatha izinto zenkwenkwe, le nkwenkwe iye yahamba yafika kokwayo kwatyiwa, bane mali baphila ubomi obungcono.
Conclusion
Learners need to come up with their own short stories and their meanings.
Learners need to bring short story and anaylse in class.
Credits

