Introduction
Ileta yoburhulumente yileta ehloniphekileyo kakhulu. Yona ibhalwa xa kusenziwa isicelo okanye umbulelo. Leleta yahluke kakhulu kwileta yobuhlobo Kuba yona ineedilesi ezimbini. Idilesi yokuqala ngeyombhali weleta ibangasekhohlo, ize eyesibini ibe ngeyombhalelwa yona iba ngase kunene. Phambi kokuba ubhale Idilesi yesibini kunyanzelekile ukuba ubhale isikhundla sombhalelwa ukwenzela icace ileta okanye le mbalelwano ukuba Iya kubani na.
Task
Ibanga :11
Isifundo : Isixhosa Ulwimi Lwasekhaya
Umhla : 28 Agasti 2021
Umhlohli : Titshalakazi B. Dyasi
Bhala ileta esesikweni ubulela kwiziko lezamasiko neNkcubeko ngesixa semali abathe bakuwonga ngazo. Sixa eso esikubhatalele izifundo zakho zonke zeDyunivesithi kwicandelo lwezamasiko neNkcubeko.
(AMANQAKU EWONKE 25)
Process
Ileta inedilesi ezimbini, kwezi dilesi zimbini kuye kulandele isibuliso esihloniphekileyo ngokwesini sombhalelwa. Uye ulibhale igama nefani yombhalelwa ukuba uyalazi kodwa ukuba awulazi uye uthi UMZEKELO: MHLEKAZI/NKOSAZANA OBEKEKILEYO. Oko kubonisa intlonipho.
Unobangela weleta okanye isihloko seleta siye silandele emveni kwesibuliso. Uye unobangela weleta umbhale ngoonobumba abakhulu okanye abancinci, kodwa xa ubhale ngoonobumba abancinci kuyanyanzeleka ukuba usikrwelele umngca isihloko sakho seleta. Emveni koko kuye kulandele umxholo, xa ubhala umxholo weleta ungena nqo kunobangela weleta kwaye ayibuzwa impilo kwileta Yoburhulumente.
Emveni koko kuye kulandele isphelo seleta apho uzobe ushiya umyalezo ukuba unawo. Isiphelo siqulathe inkcukacha zombhali weleta. Unobumba wokuqala wegama lombhali weleta kunye nefani yakhe axele nesini sakhe, koko kukwenzela ukuba lombhalelwa uye abhalele lomntu ombhalelayo akwazi ukumhlonipha ngesini sakhe. Aze umbhali atsibe umngca atyikitye.
https://za.pinterest.com/pin/461196818070542513/
Evaluation
Intshayelelo- 5 marks. Apha utitshala uyajonga umfundi ingaba uwuchazile unobangela wokuba abhale ileta.
Isiqu- 10 marks. Apha utitshala ujonga ukuba ingaba umfundi uyewaqhabalaka nokuba yintoni eye yabangela athathe usiba lwakhe abhale ileta.
Isiphelo- 5 marks. Utitshala ujonga ukuba umfundi uyivala njani ileta yakhe okanye uqukumbela ngamagama athini.
Isakhiwo- 10 marks. Apha utitshala ujonga indlela umfundi ayibhale ngayo ileta yakhe. Ingaba zikhona idilesi zombini, isibuliso, intshayelelo, isiqu, isiphelo kwakunye ngolwimi athe walusebenzisa.
Conclusion
Emveni kwesi sifundo kulindeleke ukuba abafundi bakwazi ukubhala ileta yoburhulumente kwaye babalasele. Esi sifundo sizakubanceda kakhulu ngoba xa kufuneke umntu efune umsebenzi kufuneka abhale iscelo somsebenzi esebenzisa leleta isesikweni okanye ecela isithuba kwiDyunivesithi efuna ufunda iyangenelela. Yiyo lonto ibalulekile ileta esesikweni ukuba abafundi bayazi.
Credits
Yenye yendlela abanokuyisebenzisa ukuba bacacelwe ngakumbi kulomba weleta yaseburhulumenteni. Xa benothi bamamele le video noko umfundi anganolwazi oluphangaleleyo
Teacher Page
Ukuba ukhona umfundi onemibuzo okanye into angayiqondiyo angaqhagamshelana nam kwezi nkcukacha zilandelayo
Inombolo- 0651083942
Imeyili- babalwafelicia7@gmail.com