Introduction
Task
Apha kulo msebenzi kulindeleke ukuba abafundi bafunde ukuba ileta yaseburhulumenteni ibhalwa njani kwaye zinto zini ekulindeleke ukuba baziveze xa bebhala olu hlobo lweleta.Ndizokuthi ndibabhalele phantsi umzekelo khona ukuze bafunde ngento abayibonayo.
Emva kwayo yonke lento abafundi bazobe bekwazi ukubhala ileta yaseburhulumenteni kwaye benolwazi oluphangaleleyo khon’ukuze xa befuna imisebenzi bakwazi ukuzibhalela le leta.
Process
Ndizokubagundela abafundi umsebenzi ekufuneka bawenze ze ndibacacisele ukuba xa ubhala ileta yaseburhulumenteni kulindeleke kuvele ezi zinto zilandelayo:-
- Iidilesi ezimbini
- Isibuliso esindilisekileyo
- Umqolo okrobisa malunga nomcimbi oqulathwe yileta
- Isiqu:apha ndilindele ukubona ukuba umfundi ungena emxholweni
- Ulwimi olusetyenzisiweyo malundiliseke
- Makuvele umhlathi wokuqukumbela kuba nguwo oveza umnqweno wombhali andule ukushiya inombolo
- Isiphelo:apha ndilindele ukubona isihlonipho nokuzithoba apho umbhali abhala igama nefani yakhe kwaye asayine
Evaluation
Apha abafundi abazozenzela umsebenzi wabo andizukusebenzisa rubrikhi(rubric).Abafundi bazokuzenzela nje umsebenzi wabo bucala kodwa benze isiqinisekiso sokuba balandela yonke imiyalelo endibanike yona.
(No memo as this will be a self assessment)
Conclusion
Apha abafundi ndiyababulela ngentsebenziswano esithe sabanayo,ndandule ukuthi(I encourage my learners to reflect on the lesson of the day.)
Credits
To complete this webquest I have used https://youtube.com/channel/UCVVnbpP8_9QZI1kRCRJLSqw
Teacher Page
Ms Esethu Bulabula,I am a student at CPUT and I will be a language teacher.
This lesson is a learner centred lesson which is basically about a formal letter whereby learners are expected to learn how to compose one but I give them hints here and there of what is expected from them.
I am teaching them this type of letter because I am hoping they will be able to write them when writing or compiling a CV in the future.