Introduction
The link for introduction video to myth / le link ingezantsi yeyentshayalelo yentsomi
https://drive.google.com/file/d/12dfG8-mFy_hq5SJlYhq0O1UQ8Y5-YhkT/view?usp=drivesdk
IINTSOMI
Eli gama lithi iintsomi libandakanya iindidi zeentsomi ezazibaliswa okanye ezibaliswa ngoomakhulu okanye ezibhaliweyo. EsiXhoseni, iintsomi zahlukile kwezesiNgesi kuba ezesiNgesi zinamagama ahlukileyo achaza udidi lwentsomi nganye. Apha kwisiXhosa asinawo lo magama, ngoko ke zonke iindidi zeentsomi zibizwa ngeli gama lokuba ziintsomi. Iintsomi zithi zibenesakhiwo nomxholo osekelwe iinjongo ezithile ezifana nokufundisa, ukonwabisa nokulumkisa ngemiba ethile yobomi.
Task
Isixhosa ulwimi lwasekhaya
Isifundo: IsiXhosa Home Language
Umsebenzi wokuqala: Assignment 1
Umhla wokungeniswa: 29 KweyoKwindla 2021
Umsebenzi: yenza uphando malunga namanqanaba mathandathu esinawo ukwakha intsomi usixelele banzi ngawo. Ukhethe noba yeyephi intsomi othi uyifumane xa usenza phando lwakho, xa usenza phando lwakho uxele okwenzeka kulo ntsomi uyikhethileyo ngokwamaqanaba esakhiwo setsomi
!!30 Marks!!
Process
Umsebenzi woqala kwikota yoqala
Yenza uphando malunga namanqanaba mathandathu esinawo ukwakha intsomi usixelele banzi ngawo. Ukhethe noba yeyephi intsomi othi uyifumane, xa usenza phando lwakho uxele okwenzeka kulo ntsomi uyikhethileyo ngokwamaqanaba esakhiwo setsomi
Amanqanaba esakhiwo sentsomi
- Imfuno
- Isivumelwano
- Ukudubaduba
- Iinzame
- Isiphumo
- Ukusinda
Izixhobo / Resources
Link: https://fundawande.org/img/cms/resources/Incwadi_Enkulu_8_isiXhosa_0.pdf
Evaluation
Uluhlu lamanqaku luhamba ngoluhlobo:
Imfuno: (5 marks)
Isivumelwano: (5 marks)
Ukudubaduba: (5 marks)
Iinzame: (5 marks)
Isiphumo: (5 marks)
Ukusinda: (5 marks)
30 marks
Conclusion
Isiqalo sentsomi
Umbalisi wentsomi utsala iingqondo zabaphulaphuli ngokuqala ngohlobo olwenza umdla. Elowo nalowo umbalisi unesimbo sakhe sokubalisa. Imizekelo eqhelekileyo yokuqala intsomi yile:
Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwathi ke kaloku
Kwakhe kwakho Kwacha kwathi Mandulo kwakukho.
Umdla wentsomi wenziwa yintshukumo eyenziwa ngulowo ubalisayo. Umbalisi olichule uyakwazi ukubonakalisa imeko yonxunguphalo okanye yolonwabo ngenkangeleko yobuso, intshukumo yezandla okanye umzimba. Le yinto enyanzelekileyo entsomini kuba yindlela eqala ngayo, iqala nje intsomi, iqala ngengxoxo. Umbalisi umema abaphulaphuli ngokuthi, “Kathi ke kaloku.” Anaphulaphuli baphendula ngelithi, “Chosi ntsomi” okanye “Chosi” okanye “Chosi, chosi ungaphum’iimpondo” xa kubaliswa emini.