Introduction
Molweni bafundi bebanga leshumi elinanye. namhlanje sizofunda nge- Ajenda nemizuzu yentlanganiso.I Intlanganiso ayisuke yenzeke nje kumele ukuba ihlelwe kwaye kubekho amalungiselo ukwenzela ukuba iqhube kakuhle. into iye yenzeke ukuba ayenziwanga ajenda intlanganiso, intlanganiso ayibi nasihlahla kwaye ayihambi ngendlela. intlanganiso yinto eniyiqhelileyo kwaye yinto eyenzeka mihla le emakhayeni nasekuhlaleni.
phambi kokuba siqale ndicela umfundi ngamnye akhumbule ngentlanganiso ibike yenzeka ekhona okanye awayibona kumabonakude
Task
Umsbenzi
Ukubhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso
Ulelinye lamalungu asibhozo ombutho obizwa ngokuba yiStanhope CLUB esikolweni sakho, nomsebenzi wawo ikukujongana nemeko yommandla ongqonge isikolo. Abantwana besikolo bayalwa kwaye bayalimazana esikolweni. Nisentlanganisweni enjongo zikukubonisana malunga neendlela zokunqanda oludushe lokulwa kwabantwana besikolo. Impendulo yakho ubude kulindeleke ukuba bube ngamagama ali 60 ukuya kuma-90 ( UmXholo wodwa)
{25 Amnqaku}
Process
I-AJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO
I-Ajenda ngamalungiselelo entlanganiso indelela ezothi iqhutywe ngayo intlanganiso.
Imizuzu zizinto zonke ezithethiweyo entlanganisweni kwaza kwavunyelwana ngazo mgawo onke amalungu akhoyo entlanganisweni.
Xa ubhala iajenda nemizuzu yentlanganiso kufuneka uqwalasele ezi zinto:
I-ajenda kufuneka inike ngokucacileyo iingongoma ekuza kunyathelwa kuzo xa kuxoxwa.
· Kwi-ajenja iingongoma kufuneka zicwangciswe ngokulandelelana kwazo.
· Imizuzu iba nesayo isihloko esilandelwa yindawo,iXesha, kunye nomhla wentlanganiso.
· Kwimizuzu, ubhala nje ezongongoma kugqitywe kwaze kwavunyelwana ngazo entlanganisweni.
· Imo ye-ajenda nemizuzu mayibe yebhalwe ngokuchanekileyo nangokwamkelekileyo.
I-ajenda nemizuzu mazilandeleke
Evaluation
kufuneka ibenazo zonke ezizinto zikule formathi yentlanganiso. imemo izobe ikhona.
Ifomathi yentlanganiso
I-ajenda yentlanganiso yeStanhope CLUB
Indawo: IHolo yoluntu eMfuleni
Ixesha: 14h00 -15h00
Umhla: 27 Eyokwindla 2021
- Ukuvula
- Ulwamkelo
- Abakhoyo
- Izingxegxezo
- Imivuka
- Umcimbi ongundoqo :Amalungiselelo okutyelela eThekwini
- Intlanganiso elandelayo
- Umbulelo
- Ukuvala
Imizuzu yentlangniso yeStANHOPE CLUB
- Ukuvula: Intlanganiso ivulwe ngomthandazo nguAphelele Dumzela.
- Ulwamkelo: Usihlalo, uNtlonipho Soni, uwamkele onke amalungu ombutho ebekhona entlanganisweni.
- Abakhoyo: Sinivuyo Ndamase, Yongama Vinindwa, Sinenceba Jola, Xolile Mphephu, Nontlahla Majozi, Ntlonipho Dumzela ( Sihlalo) , Luyanda Sinqa (Nobhala).
- Izingxengxezo : Ezi zingxegxezo zilandelayo zifundiwe zaza zamkelwa mguYonela Mdwaba, Ntlonipho Dumzela.
- Imivuka: Ayikho
- Imicimbi engundoqo: Kugqityiwe ukuba kuthengelwe unobhala ingxowa yokuphatha iinwadi zombutho.
- Intlanganiso elandelayo: kwazisiwe ukuba intlanganiso elandelayo izoba ngomhla we- 27 kwekaCazibe 2021
- Umbulelo: Usihlalo wenze ilizwi lombulelo.
- Ukuvala: uXolile Mphephu uvale ngofefe.
Conclusion
niqhube kakuhle kakhulu bafundi lonto ibonisa ukuba intlanganiso niyazazi kwaye ningakwazi ukuzibambela ezenu, zibeyimpulelo ngalomazwi ndifuna ukuthi nihlale ninje kwaye yonke lento niyifunde kwesisifundo zeniyisebenzise ekuhlaleni nalapho nizobe nixelenga khona. kuyabonakala ukuba niyazithanda izifundo zenu kwaye nizoba ngabantu ebantwini bafundi bam endibathandayo kakhulu. ndithi mazi enethole
Credits
ndisebenzise icwadi ekuthiwa ethi " kwaxhosa zibenza zibutya ebhalwe ngu H Sondlo. N Mkhulise. T Zide incwadi yebanga leshumi elinanye. ibe luncedo kakhulu kwesisifundo kuba ibhentsisiwe apha I-ajenda nemizuzu yentlanganiso ndibamba ngazo zozibini kwababhali baphume ezandleni.