Grade 10 IsiXhosa Home Language

Introduction

Bhotani bafundi, nantsi intshayelelo yeni apho nizokufumanisa oko kulandelekileyo kwisifundo sethu sanamhlanje. Bukelani levidiyo ukuze niqonde ngesifundo sanamhlanje. 

https://youtu.be/j36qpRGlWVI

 

Task

Umsebenzi wanamhlanje kufuneka ubhale isincoko sakho unike isihloko sakho ungemkanga kumxholo wosuku, ukuxhatshazwa kwabasetyhini. Bafundi landelani lemiqathango ezokunikhokhela xa nibhala izincoko zenu. 

  • Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo.
  • Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho.
  • Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi.
  • Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke.
  • Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama.
  • Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.
Process

Women abuse: the unfinished story | The Post

Qwalasela lomfanekiso ungentla wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. Bhala amagama angama-340–390 kwisincoko sakho. 

Bukela lemiboniso ukuze ufumane inkcukacha ezithe xaxe kwaye ezizokunceda ekufumaneni uluvo olungaphezulu. 

https://youtu.be/OFpDzoR4Wzc

 

https://youtu.be/VxpUnvHrjLc

Osaziwayo besilwa eliyelenqe lokuxhatshazwa kwamanina: https://images.app.goo.gl/vZgorjUfxVkdCUrd9

In pictures: celebs stand up against women abuse | Drum

Evaluation

Sebenzisa lerubrikhi esisikhokhele koku kulindelekileyo xa ubhala isincoko sakho. 

Conclusion

Bafundi kubalulekile ukuba niwenze umsebenzi wenu wesikolo kuba sifikelela ekupheleni konyaka kwaye ixesha lixhatshwe yinja. Ndicela kuni ukuba nizimisele kumsebenzi wenu kwaye nikhumbule ukuba ukusebenza nzima kunomvuzo. Nanku umboniso wezibizo nezimaphambili ezizoninceda ekulungiseleleni kuvavanyo lwenu lakuleveki izayo. 

https://youtu.be/hKIXNthN9mU

Sizobonana kwiklasi elandelayo. Ndiyabulela. 

Credits
Teacher Page

Miss Zanele Chloe Mkhaphuza 219016534